UMicho ubalula afuna kwenzeke eZambia

Milutin Sredojevic

Amalungiselelo wamaqela adlala kwiPremier Soccer League sele ehlabele mgama njengokuba kusondela inyanga enokuqala ngawo ukuba umba kaTendai Ndoro usonjululwe ngokukhawuleza.

UMilutin “Micho” Sredojevic, ozimisele ukwenza ezibukwayo kwiOrlando Pirates kwisizini ezayo, usa iqela lakhe eZambia kule veki – apho liza kuphekwa lisophulwa ngelilungiselela umsebenzi onzima kwisini entsha.

Nangona uMicho ekwazile ukunceda iPirates evale isizini yePSL ka2017/18 ikwindawo yesibini – kodwa ukuphela kwesizini kungekho ndebe kwiPirates yinto elichaphaza elibana emsebenzini wakhe futhi engabaxolisi ncam nabalandeli.

Ekuqaleni konyaka ozayo, iBucs iya kwiCaf Champions League – lo nto ithetha ukuthi mkhulu umsebenzi ekufuneka wenziwe.

Ube khona umahluko obonakeleyo ekufikeni kukaSredojevic kwiPirates emva kokugqwidiza kwayo iisizini zilandelelana. Isizini ezayo ibalulekile kwiBucs kwaye nabalandeli balindele into enokuthi ibancumise.

Inye qha into enokumenza ahlonitshwe ngakumbi ke uMicho: kukunceda iPirates ifumane iindebe eyaziwa ngazo. Injongo yokusa iPirates kwilizwe laseZambia kukudibanisa abadlali bayo noompetha kwizwekazi leAfrika ukuze baloleke phambi kwesizini entsha.

USredojevic uchithe iveki neqela kwinkampu ebiseMpumalanga – ngoku uthi ukuya kweqela eZambia kukuzama ukulungisa iindawo ezithile ukuze iqela likwazi ukumelana neengxaki eliza kugagana nazo kwisizini entsha.

“Sisazama ukuqinisa isisekelo seqela lethu kwesi sigaba sikuso samalungiselelo wethu,” utshilo uMicho kwikhasi lomnatha.

Njengokuba iPirates yamkele abadlali abatsha, ukudibana kwabo nokuqhelana nabadala ebaleni yinto ethatha ixesha.

Ukudlala namaqela afana neForest Rangers, neTP Mazembe – kuza kuba luncedo futhi kwakuziqinisa neenzame zabaqeqeshi.

“Izinto zihambe kakuhle kwinkampu ebiseNelspruit – apho besizama ukudibanisa abadlali bethu abadala nabatsha. Siya eZambia kuba sifuna ukuqinisa amalungiselelo wethu nokudlala namaqela omeleleyo,” utshilo uMicho.