UMicho ukhusela uGabuza osisigculelo sabalandeli

UThamsanqa Gabuza weOrlando Pirates

Umqeqeshi weOrlando Pirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, umkhusele umdlali wakhe, uThamsanqa Gabuza, owenze isenzo esingaqhelekanga emdlalweni ngoLwesibini.

UGabuza ukhulule isikipa sakhe wasijula kubalandeli emva kokuncedisa kwigowuli lokuqala lePirates elifakwe ngumdlali weBlack Leopards ogama linguThivhavhudzi Ndou kumdlalo weAbsa Premier Soccer League obusePeter Mokaba Stadium.

Emva kokujula kude isikipa sakhe, uGabuza ungqale ngqo kwindlu yokuphumla eshiya iPirates inabadlali abalishumi.

Ekubuyeni kwakhe unikwe ikhadi elibomvu ngusompempe ngoba uphume ebaleni ngaphandle kwemvume yakhe.

Ibisisenzo esingaqhelekanga – kodwa kuye kwacaca ukuba uGabuza udikwe kukuba sisigculelo sabalandeli abebemhewula ebaleni.

Kutshanje, lo mdlali uye walixhoba lezenyeliso ebezisuka kuPortia Modise. Umqeqeshi weBucs umkhusele umdlali wakhe ngelithi uphume ngenxa yokonzakala.

“Andikulungelanga ukuthetha ngokuphuma kukaGabuza ebaleni. Yinto endicinga ukuba ingaphaya kwamandla wethu singabaqeqeshi. UGabuza uphume ebaleni ngenxa yokonzakala akufumene phambi kokufakwa kwegowuli,” utshilo uMicho emva komdlalo.

AmaBhakaniya aye awuphumelela umdlalo ngo’2-1 emva kokuba uVincent Pule efake igowuli elihle kwisiqingatha sesibini somdlalo.

USredojevic uzamkele iziphumo zomdlalo nakubeni iqela lakhe liye lanyanzeleka ukuba lidlale linabadlali abangaphelelanga.

“Abadlali bethu basebenzile kwaye belibafanele igowuli lesibini. Ndicinga ukuba umdlalo ubutaka iintlantsi ukusukela ekuqaleni ukuyotsho ekugqibeleni,” utshilo uSredojevic.

Akukacaci nokuba iPirates iya kuhlangabezana njani na nesenzo sikaGabuza odlala nzima ngenxa yempathombi ayifumana kubalandeli abambiza ngamagama edlala ebaleni.

Kwiminyaka emibini edlulileyo wakuxolisela ukuxhokonkxa abalandeli emva kokufaka igowuli emdlalweni weNedbank Cup.