Umqeqeshi we-Orlando
Pirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, unethemba lokuba ifolosi yakhe, uJustin
Shonga, iya kuthatha apho iyeke khona phakathi evekini kwicala lokufaka amagowuli.
UShonga ubhakuzelise umnatha xeshikweni iPirates ingomba
ngo’3-1 kumdlalo wePSL obungoLwesithathu ePeter Mokaba Stadium. Ngentsimbi
yesithathu ngomso, iPirates ingquzulana neMamelodi Sundowns kumdlalo we-Absa
Premier Soccer League ozakube useLoftus Versfeld Stadium. UMicho unethemba
lokuba igowuli alifakileyo uShonga kumdlalo ogqithileyo, lakuthi limkhuthaze
ukuze afake amanye. Amabhakabhaka athe ngcu phezulu kwiPSL.
“Kwakukubi
emva kokuba uShonga engayifakanga ipenela ngethuba sidlala neChiefs.
Siqhubekile nokumdlalisa ngoba simthembile noogxa bakhe. Kwimidlalo emithathu
edlulileyoo, uShonga ufake igowuli elinye wancedisa amatyeli amathathu. Enye
yezinto ezibalulekileyo kuthi kukuncedisa abanye abadlali. Xa uncedisa abanye
abadlali nawe uyazinceda. Sonelisekile kakhulu ngumsebenzi kaShonga. Uba yingxaki
umdlali ongazithembanga ngenxa yokugxekwa ngapha nangapha. Ndinethemba; igowuli
alifakileyo lakumnceda azithembe ngakumbi. Sinethemba lokubona umdlalo wakhe
ukhula kwaye siza kumxhasa,” utshilo uMicho.
Indlela edlala
ngayo iPirates ibonisa iqela eliguqukileyo futhi elinokuthi libancumise
abalandeli ekupheleni kwesizini. Kodwa umdlalo eza kudlala kuwo neDowns ngeke
ubelula konke konke. Uxinizelelo lusoloko lukwiPirates ukusekela kula mdlalo
yabethwa kuwo ngamagowuli amathandathu. Nangona iqela lidlala kakuhle, uMicho
uthi kusekude engqinibeni. “Asikafiki kwindawo esifuna ukuba kuyo. Sinabadlali
abonzakeleyo phambi kwemidlalo enzima. Sizama ukujongana nemeko esikuyo
siliqela njengokuba sisiya kwimidlalo ezayo,” utshilo uMicho ethetha
neentatheli ekuqaleni kweveki.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman