UMicho uthi iindebe zivele ngeempondo kwiPirates

Augustine Mulenga of Orlando Pirates celebrates goal with Milutin Sredojevic, head coach of Orlando Pirates during the Carling Black Label Cup Match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates on the 27 July 2019 at FNB Stadium, Soweto Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Yiminyaka
emihlanu yonke kugquba indlala kwi-Orlando Pirates. Abayithandi ke lo nto
abalandeli bebhola ngoba yenza ilizwi labo lingavakali. Ngoku into
esengqondweyi yomqeqeshi wePirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, inye kuphela:
kukuza neendebe. Leyo yeyona nto efunekayo kwiBucs. Nangona uMicho ekwazile
ukuyivuselela iPirates evale iisizini ezimbini isekela iMamelodi Sundowns –
kodwa umsebenzi wakhe awukagqibeleli ngaphandle kokuza neendebe. Kwiveki
ephelileyo, iPirates idlale umdlalo ophucukileyo kakhulu ngethuba ibetha
iBloemfontein Celtic ngo’3-1 emdlalweni wokuqala wePSL. Impumelelo yeBucs
ilandele eyizuze kwiCarling Black Label, eFNB Stadium – apho yabetha khona
iKaizer Chiefs ngo’2-0. Kuyo yomibini imidlalo egqithileyo, iPirates ikubonisile
ukuzimisela kwaye ingenza ezibukwayo kule isizini ukuba ayiphazamisekanga.

Iindaba
ezimnandi abalandeli bePirates abafuna ukuziva zeziphume kumqeqeshi weqela labo
othe kungentsuku zatywala kuza kube kuthethwa ezinye iindaba ngoba iindebe
sezivele ngeempondo kwiqela lakhe. “Bangayithetha yonke into abayithandayo
abantu – kodwa into esifuna ukuyithetha thina kukuba iindebe ziyeza futhi sezikufutshane.
Indlela yethu yokusebenza siyilungisile futhi nomgangatho wethu uphezulu. Ukuba
nje kukhe kwenzeka izinto ngale ndlela esifuna izinto zenzeke ngayo, iindebe
ziza kuza. Endaweni yokucinga ukuphumelela iindebe, kufuneka siqinise indlela
yethu yokwenza umsebenzi. Sifuna ukuba liqela eliphumelela iindebe. Asikudanga
kulo nto,” utshilo uMicho emva kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo wokuqala.

Ezimnyama
ziza kujongisa imibombo kwilizwe laseZambia – apho ziza kudlala khona umdlalo
wokuqala weCaf Champions League. Emva koko, iPirates iza kuxakeka kakhulu ngoba
iza kuqubisana neSuperSport United emdlalweni wePSL phambi kokujamelana neHighlands Park emdlalweni weMTN 8
ekunyanzelekileyo idlale ngokuzimisela kuyo ukuze ixolise abalandeli bayo abalangazelela
indebe.