UMiddedorp woyisiwe yiMaritzburg United

Ernst Middendorp obeqeqesha iMaritzburg United. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi weMaritzburg United, u-Ernst Midderndorp, ulahlile njengomqeqeshi, itshilo ingxelo ekhutshwe yiMaritzburg kwikhasi lonxibelelwano uTwitter namhlanje.

Lo mqeqeshi ulishiya eli qela laseMgungundlovu emva kokuba lisokole ukusukela ekuqaleni kwesizini ka’2016/17, kangangokuba liphumelele umdlalo omnye jwi kwelishumi eliyidlalileyo.

“Emva kwemidlalo embalwa kule sizini, ndiqaphele ukuba umsebenzi wokuhlangula eli qela unzima kakhulu ngenxa yezinto ezithile futhi ezingaphaya kwamandla wam. Le meko ifana ncamashi naleyo sasikuyo ngethuba sidlala umdlalo wokugqibela kwisizini ephelileyo – kodwa sasinda kwimizuzu yokugqibela,” utshilo uMiddendorp kwikhasi lomnatha leMaritzburg.

“Naphakathi ebaleni, siphulukene namanqaku abalulekileyo – endicinga ukuba ngesibeke endaweni ebhetele kakhulu kwiPSL. Kunzima kum ukuqhubela phambili nomsebenzi phantsi kwezi meko. Emva komdlalo obuphakathi kwethu (Maritzburg) neHighlands Park, abalandeli babonakalisa ulaka ngenxa yale meko. Ndithathe ikhefu lee ntsuku ezimbini ukuze ndicinge. Emva koko ndicele usihlalo andikhulule ukuze kubekho indlela yokuhlangula eli qela,” utshilo uMiddendorp.

Akukacaci ukuba ngubani ozakuthi angene endaweni yakhe – kodwa kucingeleka ukuba uFadlu Davids – isekela mqeqeshi – nguye ozakubambela njengomqeqeshi.