UMiddendorp ufuna amanqaku kwiSuperSport United

Qho xa kusongwa isizini, amaqela adlala kwiAbsa Premier Soccer League asoloko esilwela iindawo ezintathu.

Aphezulu alwela ukuphumelela indebe, kanti amanye alwela ukungena kwiTop 8 nokusinda ezembeni.

Nangona esekwindawo yesixhenxe emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amathathu anesihlanu – Amakhosi asenethemba lokuba amaqela aphambili ayakubethwa kweminye imidlalo, into eyakuthi iwanike ithuba lokulwela indebe.

Ukuthembela kwamanye amaqela yinto enzima kwiKaizer Chiefs eyaphisa ngemidlalo ekwakufanele ukuba iyiphumelele lula ekuqaleni konyaka.

IChiefs ibethe iMaritzburg United ngo’1-0 kwiveki ephelileyo. Umqeqeshi wayo, uErnst Middendorp, uxelele amajelo eendaba okokuba eyona nto ibalulekileyo kuye kukuba iqela lakhe lidlalele iziphumo ezihle ngaphezulu kwebhola entle.

UMiddendorp uthe iChiefs idlale kakuhle emidlalweni emininzi kodwa ayibuyanga nanto kuloo midlalo.

“Emidlalweni esiyidlale nePolokwane City, iCape Town City, iMamelodi Sundowns neOrlando Pirates – sadlala umdlalo ophucukileyo kodwa sibuye neziphumo ezingancumisiyo.

Yiyo lo nto sigqibe kwelokuba senze izinto ngendlela eyahlukileyo,” utshilo umqeqeshi.

UMiddendorp ukuthethe oku ecacisa isizathu esibangele akhuphe uPhilani Zulu kwangoko emdlalweni eFNB Stadium.

“Kuye kwacaca kum okokuba sidinga umdlali onje ngoKatsande, oza kunqanda iibhola aphinde alantye ezinde phambili.

Eyona nto efunekayo ngoku ziziphumo ezihle emidlalweni. Naxa sidlala neSuperSport United, siza kulwela iziphumo ezihle,” utshilo uMiddendorp. Amakhosi afuna amanqaku amathathu kwiSuperSport United emdlalweni wePSL oza kube useMbombela Stadium ngo’20:00 ngomso (Lwesihlanu).

Uza kubanzima kakhulu wona umdlalo ngoba nawo Amatsatsantsa afuna ukuvala umsantsa ophakathi kwawo namaqela aphezulu kwiPSL. Emdlalweni wokuqala, iChiefs yaphumelela ngegowuli elinye elafakwa nguGeorge Maluleka.

– isibhalo@inl.co.za