Ukubhutyuza
kukanozinti weKaizer Chiefs kufikelele kwiqondo lokugqibela. Emva komdlalo
izolo, uErnst Middendorp, uvakalise ukukruquka kwakhe ziimpazamo ezenzeka
emidlalweni watsho esithi kufuneka kubekho inguqu phambi kweveki ezayo (xa
iChiefs idlala nePirates). UMiddendorp ebethetha neentatheli emva kokubethwa
kweChiefs edlale ngamathuba ngo’1-0 yiCape Town City, ekungekho nto ingako
eyenzileyo ngaphandle kokufaka igowuli, emdlalweni we-Absa Premier Soccer
League obuseFNB Stadium. UVirgil Vries ubhutyuze ibhola nayizolo eye yangena
emnatheni. Kanti ebengaqali, ekuqaleni kwenyanga woyiswa kukubamba ibhola
eyakhatywa kude iChiefs idlala neMamelodi Sundowns. UVries wangena endaweni
ka-Itumeleng Khune ongasadlaliyo ngenxa yokonzakala – kodwa kukho imbombo
kakhulu ngenxa yendlela engonelisiyo abamba ngayo ezipalini.
“Ndiyayazi
into eyenzekileyo, andisosidenge tu. Kubalulekile ukuba nonozinti owenza
umsebenzi ocacileyo xa ungakwazi ukufaka amagowuli. Andizami kukhusela
ukwenziwa kweempazamo ngoba azindonwabisanga. Kokwesibini ngoku isenzeka le
nto. Kufuneka side sithini?” utshilo uMiddendorp emva komdlalo izolo ebusuku.
“Kufuneka
sibone ukuba senzani kwezi ntsuku zilishumi zilandelayo ukuze sikhangele ukuba
ngubani ozakuba ngunozinti kuMgqibelo ozayo. Kulungile ukubakhusela abadlali,
yile nto ndiyenzayo. Kodwa kufuneka kwenziwe umsebenzi kakuhle. Indlela ebilula
yokuqubisana nala bhola ibikukuyixhimfa ngamanqindi/ngenqindi. Ngeke ndikwazi
ukulungiselela lo nto icacile. Ndiyavuma asiwafaki amagowuli phaya phambili –
kodwa sinale ngxaki esemva,” utshilo uMiddendorp.
Abalandeli
beChiefs balele bethe khunubembe emva kokubethwa kweqela labo elingakwazanga
ukusebenzisa amathuba abaninzi emdlalweni. Lo nto ebekhale ngayo umqeqeshi
nangethuba iChiefs idlala neTornado FC emdlalweni weNedbank Cup kwiveki
ephelileyo. “Andizami kubulala mntu apha – kodwa nangokuya besidlala neTornado,
besiwafumene amathuba amaninzi emdlalweni. Zizinto ekufuneka sijongane ngqo
ezi,” utshilo uMiddendorp.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo