UMiddendorp ulindele iKaizer Chiefs ezimiseleyo ebaleni

Willard Katsande of Kaizer Chiefs with Ernst Middendorp, coach of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2018/19 Kaizer Chiefs and Orlando Pirates Press Conference at the PSL Offices, Johannesburg on the 07 February 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amaqela amakhulu
aphindela edabini kwakhona namhlanje. IKaizer Chiefs iza kuxikixana ne-Orlando
Pirates emdlalweni we-Absa Premier Socer League ekulindeleke kuqhum’ uthuli
kuwo ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga  eFNB Stadium. Amakhosi aya emdlalweni
wanamhlanje ephantsi koxinizelelo emva kokubethwa izihlandlo ezithathu zonke yiPirates
kunyaka ophelileyo. Ngenxa yeengxaki enazo iChiefs kwicala loo nozinti,
akukacaci nokuba ngowuphi na unozinti ozakuthi adlaliswe namhlanje. Amakhosi
atyikitye uDaniel Akpeyi obedlalela iChippa United buphuthuphuthu ngenxa
yokubhutyuza kukaVirgil Vries emidlalweni. Kanti yena uBruce Bvuma ubonwa
njengonozinti osemncinane futhi oswele amava okumelana neqela elikhulu elifana
nePirates okwangoku.

Umqeqeshi weChiefs,
u-Ernst Middendorp, ukhethe ukungalixeli igama loyena nozinti aza kumsebenzisa
koyena mdlalo omkhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika. Kodwa kulindeleke asebenzise
uDaniel Akpeyi ofikayo ngoba ubonakale njengomntu [uMiddendorp] owoneleyo
ziimpazamo ezenziwe nguVries kwiveki ephelileyo. “Sibe nazo iingxaki kwicala
loo nozinti emva kokonzakala kuka-Itumeleng Khune. UBruce Bvuma uwafumene amava
emdlalweni weDiski Challenge kwiveki ephelileyo. Omabini amaqela anonoozinti
abathathu. Masibone ukuba ngowuphi na unozinti esiza kumsebenzisa. Ndiqinisekile
siza kuthatha isigqibo esifanelekileyo,” utshilo uMiddendorp ekuqaleni kwale
veki.

Into enokuvuyisa
abalandeli kukuva iindaba ezithi umdlali wabo abamthandayo, uHappy Mashiane,
uza kudlala okokuqala kowona mdlalo mkhulu. UMashiane uqale ukudlalela iKhosi
ngethuba lidibene neTornado FC emdlalweni weNedbank Cup obuseMonti kutshanje. “Ndimjongile
– kodwa ndiye ndazibuza: ingaba ukulungele ukumelana noxinizelelo? Udlale
kakuhle kwiNedbank Cup. Nasemdlalweni olandelayo uqhube kakuhle. Uyathembisa
futhi ubonakala ekulungele ukudlala ngokwasengqondweni. Unalo ithuba lokudlala
ngoMgqibelo,” utshilo uMiddendorp.

Umqeqeshi weChiefs
uthe ulindele abadlali bakhe bazimisele futhi bakufune ukuphumelela
ngokungafaniyo neminye imidlalo abayidlalileyo egqithileyo. Adinga amanqaku apheleleyo
Amakhosi ukuze asondele kumaqela afana neBidvest Wits, iPirates neMamelodi
Sundowns – aphala phambili kwiPSL.