UMiddendorp ulithembile iqela lakhe

Idabi lamaqela asezantsi adlala kwi-Absa Premier Soccer League luthathe olunye unyawo njengokuba isizini isondela ekupheleni.

Eli qela laseMgungundlovu lihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu emva kokubetha i-Ajax Cape Town ngo’1-0 eHarry Gwala Stadium ngoLwesithathu. Ngoku iMaritzburg United ishiywa yiJomo Cosmos ngenqaku elinye jwi.

Iziphumo ezihle ziyinika amandla nethemba lokusinda ezembeni ekupheleni kwesizini ka’2015/16.

Igowuli lempumelelo lifakwe nguThamsanqa Mkhize ngomzuzu wamashumi asibhozo anesihlanu. Kumdlalo olandelayo iTeam of Choice idinga amanqaku amathathu kulo mdlalo uzayo ukuze ingathotyiselwa ekupheleni kwesizini.

Umqeqeshi weli, * -Enrst Middendorp, uzivuyele iziphumo zomdlalo odlulileyo watsho esithi kodwa umsebenzi awukagqitywa.

“Ndiqinisekile sizakusinda ezembeni ukuba sifaka amandla ethu onke kulo nto. Amalungiselelo omdlalo wethu wokugqibela kufuneka aqale ngoku kwaye kufuneka sidlale umdlalo odibeneyo xa sidlala neCosmos,” utshilo uMiddendorp emva komdlalo.

UJomo Sono ufunge wamunc’iintupha ngelithi iMaritzburg United ngeke iyibethe kowayo iCosmos kumdlalo wokugqibela. Kulindeleke lo mdlalo utsale umdla kakhulu.

Iziphumo:

SuperSport United 0-0 Black Aces; Golden Arrows 1-0 Jomo Cosmos; Free State Stars 2-2 Kaizer Chiefs; Platinum Stars 2-3 Bloem Celtic; Bidvest Wits 0-1 Mamelodi Sundowns; Maritzburg United 1-0 Ajax Cape Town; Polokwane City 2-2 AmaTuks; Chippa United 2-0 Orlando Pirates.