UMiddendorp uncoma abadlali bakhe, yena uPitso uyayivuma induku

Kaizer Chiefs players celebrate During the 2019 Shell Helix Cup match between Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns at the FNB Stadium, Johannesburg on 12 October 2019 BackpagePix

Izolo
abalandeli beKaizer Chiefs balele bencumile emva kokuba iqela labo libethe
iMamelodi Sundowns ngo’4-2 emdlalweni wesibini weShell Helix Ultra Cup obumhle
eFNB Stadium. Isiqendu sokuqala seShell Cup saphunyelelwa yiSundowns ngo’2-1
kunyaka ophelileyo (2018). Bobabini abaqeqeshi bamaqela basebenzise abadlali
abangaqhelanga ukudlala okanye abadlalanga kakhulu ukusukela oko kuthe kwaqala
isizini entsha. Amagowuli amathathu weChiefs afakwe nguLeonardo Castro eyedwa,
laze elinye lafakwa nguKhama Billiat – onke kwisigaba sokuqala. AweSundowns
afakwe ngu-Ali Meza noGaston Sirino kwisigaba sesibini.

Umqeqeshi
weChiefs, uErnst Middendorp, uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo – kodwa eyona
nto athe wayibalula ngumsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe
angabasebenzisanga kakhulu kule sizini. “Ndicinga ukuba impumelelo ibisifanele
ngoba senze umsebenzi omhle kakhulu kwisiqingatha somdlalo. Asifuni ukuligxeka
kakhulu ke iqela ngokuphuncukwa kwalo ngumdlalo kwisigaba sesibini ngoba
bekudlala abadlali abangaqhelanga ukudlala. Indlela agqibezele ngayo uCastro
ibintle kakhulu – kanti nabadlali abafana noKgotso Moleko, uKabelo Mahlasela,
uSiphelele Ntshangase noPhilani Zulu – benze umsebenzi oncomekayo kakhulu.
Siyazingca ngomsebenzi abawenzileyo,” utshilo uMiddendorp kwiSABC TV.

Kwelakhe
icala umqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, ukhalele amathuba acacileyo ayekwe
ngabadlali bakhe kwisigaba sesibini emva kokuba abadlali abadlalisileyo kwisiqingatha
sokuqala bengawenzanga kakuhle umsebenzi. Ukuphoswa kwamathuba kuchazwe
nguPitso njengento engakholelekiyo. “Sisidlale kakuhle isiqingatha sesibini
somdlalo. Bekunyanzelekile sibanike ithuba lokudlala abadlali abafana no-Aubrey
Ngoma, u-Andile Jali no-Oupa Manyisa. Idlale umdlalo ongcono iChiefs kunathi
kwisigaba sokuqala ngoba asikwazanga ukudlala ibhola ngendlela yethu. Ifake
amagowuli amahle futhi afanelekileyo. Kwisigaba sesibini, bekufanele sifake
amagowuli amathandathu. Masiyithethe inyaniso; siphose amathuba amahle.
Ayikholeleki indlela esiwaphose ngayo. IChiefs idlalise abadlali ebadlalise
kunyaka ophelileyo – kanti thina sidlalise abadlali abangaqhelanga ukudlala.
Senze iinguqu satsho sadlala kakuhle kwisigaba sesibini. Ubumhle umdlalo kwaye bekufanele
bawuphumelele. Siyavuyisana nabo,” utshilo uPitso.