Umqeqeshi weKaizer
Chiefs, u-Ernst Middendorp, ulele encumile izolo emva kokuba iqela lakhe libuye
ngasemva
emdlalweni wayizolo. Amakhosi afake amagowuli amathathu emizuzwini esibhozo aphumelele
ngawo kwamabini emizuzwini embalwa kwisigaba sesibini somdlalo we-Absa
Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium. Iqela laseLimpopo liye kwixesha
lokuphumla lihamba phambili ngamagowuli amabini kwisigaba sokuqala futhi
lidlala umdlalo ongcono kakhulu kuneChiefs eye emdlalweni ifuna impumelelo
ukuze ibethelele indawo yayo phezulu kwiPSL. Izinto ziye zaguquka kwisigaba
sesibini emva kokuba abadlali beChiefs bebonise ukunxanelwa kwabo ukuphumelela
indebe yePSL kule sizini. UMiddendorp ubaqhwabele izandla abadlali bakhe
abafana noWillard Katsande, uBernard Parker noRamahlwe Mphahlele abenze
umahluko ekungeneni kwabo kwisigaba sesibini.
iwufumene kuthetha ukuthi isephakathi kwamaqela alwela ukusinda ezembeni
njengokuba kusongwa isizini yePSL.
“Besingonwabanga
kwaphela ngexesha lokuphumla.
isifumene silele amatyeli amathathu ukuya kwamane,” utshilo uMiddendorp emva
komdlalo. Abadlali abangene kwisiqingatha sesibini benze umahluko omkhulu kwaye
uMiddendorp uthi iChiefs ifuna ukuphumelela indebe yePSL kule sizini. “Iinguqu
esizenzileyo zisincedile kakhulu kwisigaba sesibini somdlalo. Ukulandela
ngasemva ngamagowuli amabini nokufaka amagowuli amathathu emizuzwini esibhozo kubonisa ukuzimisela komdlali ngamanye eqeleni lethu. Umdlalo wethu ubungekho
mhle – kodwa besizimisele ukuwuphumelela wona umdlalo. Siyenzile lo nto.
Andizikhathazi ngokwenziwa ngamanye amaqela, ingqondo yam ikokwenziwa yiChiefs.
Akusekho nto esinokuyenza ngokwenzeke ngaphambili. Okwenzeka ngoku sisipho
esikhulu. Ikamva liyimfihlo engaziwa mntu. Sifuna ukuphumelela indebe yePSL.
Sasithe yeyona nto esiza kuyisebenzela kunyaka ophelileyo njengokuba ubonisile
emdlalweni namhlanje,” utshilo uMiddendorp kwiSuperSport TV izolo.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala