Abalandeli beKaizer Chiefs abamamkelanga ngezandla ezishushu umqeqeshi omtsha.
Kwiveki ephelileyo, Amakhosi abhengeze igama likaErnst Middendorp njengomqeqeshi omtsha kwiTwitter.
Indedeba yaseJamani ingene endaweni kaGiovanni Solinas ogxothiweyo emva kokuba engakwazanga ukuguqula isimo seqela afike sikulo.
Abalandeli bebengamfuni uSolinas – kodwa ukungena kukaMiddendorp endaweni yakhe bakubone njengento enganakuyiphucula iChiefs ngenxa yembali yakhe eNaturena kwisizini ka2006/7. Umphathi weKhosi, uBobby Motaung, wazise umqeqeshi ngokusesikweni ekuqaleni kwale veki eNaturena. Emva kokuba iChiefs ingafumenanga nto iminyaka emithathu phantsi kukaSteve Komphela – abalandeli baqumbile.
Ukuze uMiddendorp akwazi ukuthoba umoya wabo, kufuneka iqela livelise iziphumo ezincumisayo zisuka.
UMiddendorp uza kuncediswa nguShaun Bartlett. Bobabini bakhe basebenza kunye kwaye batyikitye izivumelwano zengqesho zeminyaka emibini.
Akukho mathandabuzo, umqeqeshi omtsha uwuqonda kakuhle umthwalo osemagxeni akhe futhi naye uthi ufuna ukubuyisela iChiefs kwinto eyayifudula iyiyo ngethuba ithatha iindebe.
“Kufuneka iqela liphumelele. Ndiyazi ukuba kufuneka siqokelele amanqaku emidlalweni emva kwezinto ezenzekileyo kwimidlalo edlulileyo. Bafanele ukubanje abalandeli; kungoba bafuna iziphumo ezihle. Ndiyathembisa, siza kulilungisa iqela ukuze likwazi ukuqokelela amanqaku apheleleyo emidlalweni ezayo,” utshilo uMiddendorp kwintetho yakhe yokuqala koonondaba eNaturena.
Emva kokuba iChiefs yabethwa yiOrlando Pirates emdlalweni weTelkom, abaphathi kwaye kwacaca ukuba kufuneka bafune umqeqeshi oza kungena endaweni kaSolinas.
UBobby Motaung, osoloko ethawuziswa emalahleni ngabalandeli xa izinto zingahambi kakuhle, uvumile ukuba abaphathi bebeyakhele umkhanyo indlela eliqhuba ngayo iqela. Izigxeko uzibethise ngoyaba watsho esithi nokuba angeza noJose Mourinho kungakho abantu abamgxekayo.
“Siyabahlonipha abalandeli. Yiyo lo nto sisenza iinguqu, sifuna ukwanelisa bona. Kutshintshwe umqeqeshi ngenxa yabo,” utshilo uMotaung.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump