UMidderndorp ubeke phantsi

Emva kweenyanga ezintathu kwiFree State Stars, umqeqeshi oyintloko * -Ernst Middendorp ubhengeze ukuba uyalishiya eli qela, ngento ayichaze njengokunqaba kwamava kubadlali bela qela.

UMidderndorp ulishiye likwindawo yeshumi eli qela, kuluhlu lamaqela e-PSL. Wafika ngoSeptemba ngelixa i-Ea Lla Koto isilwela ukuba iphume kuluhlu lamaqela asezantsi.

Izolo iStars zikhuphe ingxelo efundeka ngolu hlobo mayela nokuhamba kukaMidderndorp: “Sothuke kakhulu ngokwazisa ukuhamba kukaMidderndorp ngokungxamisekileyo kwisikhundla sakhe njengo- mqeqeshi oyintloko.”

UMidderndorp kwingxelo yakhe ukwachazele umphathi weli qela uRantsi Ramokoena nge -imeyile ukuba uhamnjiswe kukunqongophala kwabadlali abakudidi lePSL kweli qela.

Kwimidlalo yeNational First Division ibidlalwa kule mpelaveki, iMthatha Bucks ibonakalise ukuzimisela nokuzithemba ngokubetha iMoroka Swallows ngegowuli elinye eqandeni kumdlalo ubudlalelwa eMthatha Stadium ngeCawa.

Yimpumelo yabo yokuqala le kule sizini, basehleli emsileni, kodwa badlala kakuhle kuba baphumelele imidlalo yabo emibini edlulileyo. ICape Town All Stars idlale ntanganye ngegowuli elinye macala kumdlalo ubudlalelwa e-Athlone Stadium kunye neVasco Da Gama.

IBlack Leopards yona izibethe iThanda Royal Zulu ngegowuli elinye eqandeni.

IWitbank Spurs ibethe iMilano United FC ngegowuli elinye eqandeni nayo kumdlalo ubudlalelwa e-Athlone.