UMiguel Cardoso ubonise ubuchule kumdlalo neStellenbosch

Umqeqeshi omtsha weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, ebhiyozela ukuphumelela kweqela lakhe ngo’1-0 kumdlalo wabo weBetway Premiership neStellenbosch FC obuseKapa ngoLwesithathu. Umfanekiso: Ayanda Ndamane/Independent Newspapers

Ibingumdlalo wakhe wesibini ephethe iMamelodi Sundowns, kwaye umqeqeshi omtsha uMiguel Cardoso sele enesiqalo esincomekayo.

Umsebenzi wakhe wokuqala ibikumdlalo weCaf Champions League neRaja Casablanca ngempelaveki, nalapho iSundowns iphumelele ngo’1-0.

Nangona kunjalo, kwiintsuku nje ezintathu emva kwalo mdlalo, uCardoso wenze iinguqu ezininzi kubadlali abaqala umdlalo neStellenbosch.

UCardoso wenze utshintsho lwabadlali abathandathu kumdlalo weBetway Premiership neStellies ngoLwesithathu, njengoko iqela lakhe liphinde laphumelela ngo’1-0. Oku kuthetha ukuba iSundowns ifumene amanqaku amathathu enkcochoyini, iphambi kweOrlando Pirates enomdlalo esandleni.

“Namhlanje (ngoLwesithathu) besisazi ukuba sifuna abadlali abakhawulezayo ukuze sikwazi ukulawula ezi zithuba xa sijongene neebhola ezinde,” utshilo uCardoso.

“Ke umbuzo ngowokuba ungaqhubela phambili ngakanani kwixa elizayo. Ndicinga ukuba kufuneka silumke kangangoko sinako ukuqonda ukuba elinye iqela lisinika ntoni emdlalweni.”

Nangona kunjalo, kukho iinkxalabo ezimbalwa zokungabikho kwisimo esifanelekileyo ngokwasemzimbeni, utshilo uCardoso.

“Ngokucacileyo, sibatshintshile abadlali ukusuka kumdlalo wokugqibela ukuya kunamhlanje (ngoLwesithathu). Abanye babo kuba kufuneka silawule ukudinwa. Abanye ngenxa yokuba baneengxaki ezincinci.”

Kusekutsha ukusukela oko iSundowns yenze isigqibo esothusayo sokugxotha obesakuba ngumqeqeshi uManqoba Mngqithi ekuqaleni kwale nyanga, njengoko eli qela belikwindawo yokuqala emva kokuphulukana namanqaku amathathu kuphela kwimidlalo yalo esibhozo yokuqala.

Lo nto ithetha ukuthi uCardoso usaqhelana nabadlali.

“Kodwa umbuzo apha ngowokuba sikholelwa njani kubo bonke abadlali. Ngokucacileyo, bakumanqanaba ahlukeneyo,” utshilo uCardoso.

“Abanye babo baselula, abanye babo banamava ngakumbi. Abanye babo baneempawu zabo ezisivumela ukuba simelane nezinto ezithile emdlalweni kunye namaqela ahlukeneyo esijongana nawo.”

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.