Umqeqeshi omtsha weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, uthi ufuna ukubhala igama lakhe kwiincwadi zembali. Oku ukuthethe emva kokwaziswa kwakhe izolo nguSihlalo weSundowns, uTlhopie Motsepe. UCardoso uthathe indawo eshiywe nguManqoba Mngqithi ogxothiweyo yiSundowns.
Ecacisa isizathu esibangele ukuba kugxothwe uManqoba, uMotsepe uthe bathathe isigqibo ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo nendlela engonelisiyo iSundowns edlala ngayo kutshanje.
Xa ubani ejonga indlela awahamba ngayo uRulani Mokwena, ukuhamba kukaMngqithi akothusi ngoba iSundowns ibingaqhubi kakuhle konke konke kwiCAF Champions nangona ihleli phezulu kwiBetway Premiership.
UCardoso, 52, ulibulele ithuba alinikiweyo lokuqeqesha iMamelodi Sundowns. Abaphathi bakhethe ukugcina uSteve Komphela noKennedy Mweene abaza kusebenza namadoda afikayo aquka uFabio Fernandes, uPedro Azevedo noJoao Araujo.
“Ndiyababulela abakwaMotsepe bemelwe nguSihlalo weqela. Ndifuna nokubulela intloko yeqela, uMnu. uFlemming Berg nabo bonke abantu abakwiSundowns,” utshilo uCardoso obebizelwe iintatheli. Kuluvuyo ukufumana ithuba lokuba ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns.
“Ukuba seMzantsi Afrika yinto enkulu ngoba lilizwe elinembali etyebileyo. Andifuni ukuthi ndonwabile, ndiziva ndinewonga emva kokuchongwa kwam,” utshilo uCardoso ekulindeleke aphumelele zonke iindebe ezikhoyo.
“Ndingumntu wabantu. Ndithobekile futhi andisokolise – kodwa ndingumntu ofuna kucace xa kusetyenzwa. Kufuneka silwele ukuphumelela yonke imidlalo ngoba injongo yeqela kukuphumelela zonke iindebe. Nam ndifuna ukushiya imbali entle ngaphezulu kule seyenziwe.
“Kulindelwe lukhulu ngabantu ngoba iSundowns liqela elikhulu – kodwa nam ndizimisele ukubamela ngendlela entle,” utshilo uCardoso unikwe umyalelo wokuphumelela zonke iindebe ezikhoyo. Emva kokubambana nayo iAS FAR ngo’1-1, iSundowns iza kudibana neRaja Casablanca emalanga ngeCawe, eLoftus Stadium.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!