UMilutin Sredojevic uthi kusekude engqinibeni

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMilutin Sredojevic, uthi ufuna iqela lakhe lenze ngcono kwimidlalo ezayo umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Akafuni nokuyiva umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMilutin ‘Micho’ Sredojevic, into ethi iqela lakhe liphakathi kwamaqela anokuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League.

IPirates yenze umtsi obonakalayo kwiPSL emva kokubetha iBaroka FC neMamelodi Sundowns ngo’3-1 ngokulandelelana kwiveki ephelileyo, yatsho yaphakathi kwamaqela amahlanu aphambili – kodwa uMicho akafuni nokuyiva into ethi bangaziintshatsheli zePSL (beyiPirates) ngelithi mninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe liqela lakhe ukuze libe kumgangatho awufunayo. IPirates yamkela iPolokwane City esokolisayo kumdlalo wePSL ozakube ungo’20:15 e-Orlando Stadium ngoMgqibelo – apho izakube ifuna impumelelo ukuze ivale umsantsa ophakathi kwayo neSundowns esenkcochoyini.

“Ndikhetha ukuthethelwa ngumsebenzi ebaleni endaweni yokungena ingxoxo ngokuphumelela indebe yePSL. Sinawo amandla wokuyiphumelela indebe, ndiyayivuma lo nto. Sizimisele ukusebenza ngokuzimisela ukuze sisuse intlungu enyanyezelwe ngabalandeli ixesha elide,” utshilo uSredojevic.

Le ndedeba yaseSerbia izimisele ukuzilungisa zonke iingxaki ebezombethe iSea-Robbers.

Kubekho ukuphucuka okuthile kwindlela abadlali bePirates abawasebenzisa ngayo amathuba phambi kweepali, ngakumbi uLuvuyo Memela – obekade engadlaliswa. Njengokuba isizini ingene kuvutho-ndaba, ilelo iqela lidlalela ukufumana indawo entle kwiPSL.

“Kufuneka siye kumdlalo ngamnye sinenjongo yokuphumelela. Kunyanzelekile silwele zonke iindebe, leyo into ngeke ndiyibaleke – kodwa mna ndithi iSundowns yeyona inethuba lokuphumelela kule sizini. Sifuna ukuyiphucula indlela esidlala ngayo. Ndizibonile iindawo ezifuna ukulungiswa,” utshilo uMicho.

Lo mqeqeshi uyavuma okokuba ukhona umahluko emva kokuba iBucs iphumelele imidlalo egqithileyo – kodwa akazimiselanga ukukhwaza engekaphumi ehlathini.

“Ukuzithemba kuphezulu ebadlalini – kodwa sizimisele ukunyusa umxakatho ngakumbi,” uvale ngalo mazwi uMicho.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Bidvest Wits v Bloemfontein Celtic @Bidvest Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Free State Stars v Maritzburg United @Goble Park Stadium, 15:30;

Cape Town City FC v Ajax Cape Town @Cape Town Stadium, 15:30pm; Mamelodi

Sundowns v Platinum Stars @Loftus Versfeld Stadium, 18:00; Orlando Pirates v

Polokwane City @Orlando Stadium, 20:15; AmaZulu FC v SuperSport United

@King Zwelithini Stadium, 20:15

NgeCawe: Baroka FC v Kaizer Chiefs @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Chippa

United v Golden Arrows @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:30

pedro.mapelo@inl.co.za