UMitsubishi angaxhasa ihashe laseDutywa!

Ihashe laseDutywa elaziwayo, * -Andazi, ebanjwe nguTensenti Ntantala emva komdyarho

Ukuba izinto zihambe kakuhle, * -Andazi, angalihashe lokuqala lasezilalini elixhaswa yinkampani yabucala apha eMpuma Koloni.

Ingxelo ithi inkampani eyenza iimoto, uMitsubishi, yiyo ebilayisha eli hashe ukuya kumdyarho omkhulu kaNgumbela obuseDutywa kutshanje.

Lo mdlalo wamahashe mkhulu kakhulu nangona ungahoywanga ziinkampani zabucala kuba ungasoloko ukhutshwa kumajelo eendaba.

Umdla kaMitsubishi uza emva kwendumasi eyenziwa leli hashe ngo’2016 kwiBerlin November – apho laqhumisela ngothuli onke elalikhuphisana nawo.

Ukugqwesa kwalo eli hashe akothusi ngoba liqeqeshwa ngabantu abathanda amahashe futhi abaneengcambu ezinzulu kumdlalo wamahashe.

Ukunyathelwa kwalo, ukolula kwalo xa libaleka kuntama uqeqesho oluphezulu lukaNkunzi Ntantala noTensenti Ntantala. Bazalwa kunye bakuncanca kooyise ukudlalisa amahashe.

“Ndaqala ukuphalisa ngexesha lootat’uMyendeki. Babenamahashe amade ke bona, ngelo xesha mna ndabangumlandeli wabo. Kwathi ke bakutshona abootata, ndathi icekwa lishiyeke nam. Ndathenga ihashe elide phaya ngoo’92. Ukusukela ngoko zange ndiyeke noxa bendingaqhubi kakuhle ngamanye amaxesha,” utshilo uNtantala.

Nangona kumnandi ukuphalisa – kodwa iimpokotho zabo zishiyeka zivuthulukile ziindleko zamahashe.

“Eyona nto isibethayo kukuba amahashe azindleko. Indlela asibetha ngayo ekutyeni nakwindlela yokuwasa kwiindawo zemidyarho imbi kakhulu. Uqhuba kakuhle * -Andazi gqitha,” utshilo uNtantala.

UNtantala uthe ngoMitsubishi: “Apha (Mpuma Koloni) alikho ihashe elimbethayo * -Andazi. Waqhuba kakubi kanye qha – kodwa yaba yingxaki yedyoki naleyo. Andinakuxoka, bendiqala ukubona umntu ezokulayisha * -Andazi ngoMnumzana uMakuliwe wakwaMitsubishi – othe gqi okomntu ofuna ukuncedisana nathi. Akakaveli ngokupheleleyo – kodwa wathi uzimisele ukuhamba nathi,” uvale ngelo uNtantala.

pedro.mapelo@inl.co.za