UMkhalele uthi aBafana Bafana bancwase ukwenza bhetele kwiAFCON

Olisekela lomqeqeshi weqela lesizwe, uHelman Mkhalele, uyamkele indlela athelekiswe ngayo amazwe aza kuthatha inxaxheba kwiAfrica Cup of Nations (AFCON) eza kubanjelwa eMorocco ekupheleni kwalo nyaka.

UMzantsi Afrika uthelekiswe neZimbabwe, Egypt nayo iAngola. Ethetha neSABC Sport emsithweni obubanjelwe eMorocco ekuqaleni kwale veki, uMkhalele uthe bebekulindele ukudibana namaqela aphuma amaninzi aphuma emazantsi wezwekazi le’Afrika ngoba angene ngobuninzi kwiAFCON yalo nyaka.

“Bendisazi ukuba singadibana nelinye lamaqela aphuma kwalapha kwiSADC ngoba maninzi. Andothukanga xa sithelekiswa neZimbabwe. Into endifuna ukuyithetha kukuba kuza kuba nzima kuGroup B – kodwa umthwalo uza kuthwaleka. Onke amazwe esidlala nawo adlala kakuhle,” utshilo uMkhalele oye eMorocco kuba uHugo Broos engekabuyi kowabo eBelgium.

ABafana Bafana baza kuya kwiAFCON yalo nyaka bekhuthazekile emva kokufumana indawo yesithathu kwebikunyaka ophelileyo. “Sizimisele ukuthatha apho siyeke khona kwiAFCON egqithileyo sense ngcono kwesiya kuyo. Kufuneka sidlalele ukuya kwindawo ebhetele ukuze kukhuthazeke nakubadlali abasakhulayo.

“Noxa abantu beza kujonga amagama nembali phakathi kwethu namazwe esiza kudlala nawo – kodwa yona imidlalo iza kuba nzima. Ewe, yona iYiphutha iza kuzama ukubuyisa izitya emva kokuba sayibetha ngo2019. Kodwa ke kuthi yadlula leyo into. Okubalulekileyo kukusebenzela ukuba sense umsebenzi obhetele kwiAFCON,” utshilo uMkhalele.

Emva kokuqhuba kakuhle kwiAFCON kunyaka ophelileyo, uMzantsi Afrika uza kujongwa ngelinye iliso ngoba ubalwa phakathi kwamazwe anokuyithatha indebe yeAfrica Cup of Nations eza kulwelwa ngamandla yiMorocco eza kube idlalela ekhayeni layo. Nangona aBafana Bafana kungafuneki bawadelele amazwe afana neAngola neZimbabwe – kodwa owona mqobo okhulu endleleni yabo emidlalweni kaGroup B mnye yiEgypt.