Umqeqeshi waBafana Bafana, uHelman Mkhalele, uchaze izizathu ezithe zanefuthe ekukhutshweni kweqela lakhe kumjikelo wokuqala weCosafa. ABafana Bafana abakwazanga ukudlulela kumjikelo olandelayo nakubeni bekwazile ukubetha iSwatini ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoLwesibini.
Ngoba uMzantsi Afrika udlale ntanganye neMozambique neBotswana, awukwazanga ukubamba indawo yokuqala kuGroup A. Ngenxa yalo nto uMzantsi Afrika uwe phantsi kwilinge lokuthatha indebe yeCosafa nakulo unyaka.
Emva komdlalo wokugqibela, uMkhalele uxele izizathu ezibangele iqela lakhe lingakwazi ukudlala bhetele kwiCosafa iminyaka emibini ilandelelana. UMkhalele uye wachonga iqela lakhe ivaliwe isizini yePSL. Lo nto ithethe ukuthi abadlali abaninzi bebengekho kwisimo esihle ngokwasemzimbeni.
“Ndicinga ukuba abanye abadlali bebengakulungelanga ukudlala. Emva komdlalo wethu wokuqala esiwudlale neMozambique, kuye kwabonakala ukuba abadlali bethu khange balifumane ixesha lokuzilungiselela. Sidibene iintsuku ezintathu kwabe sekuqala itumente,” utshilo uMkhalele.
“Ngenxa yeso sizathu, asikwazanga ukubathwalisa ubunzima abadlali. Sizamile kona ukujonga isimo sabo sempilo, emva koko saqhubela phambili namalungiselelo wethu. Into esiyibonileyo kukuba abadlali bebengakwazi ukumelana nesantya sabadlali bamaqela esidlale nawo ngoba bebengekho fithi.
“Ukudlala namaqela achithe ixesha elide ezinkampini ezilungiselela kuye kwasinyanzela ukuba silumke futhi songe namandla ebesinawo emidlalweni yokuqala. Seso sizathu esibangele ukuba siqale kakuhle nangona izinto ziye zonakala emidlalweni esiyidlalileyo,” utshilo uMkhalele.
Nangona izinto zingawuhambelanga kakuhle uMzantsi Afrika kwitumente ebanjelwe eGqeberha kwiphondo leMpuma Koloni – kodwa umqeqeshi ubancomile abadlali bakhe ngokuzama. “Ndiyazingca ngomzamo owenziwe ngabadlali nokuzimisela kwabo.
“Into endonwabise kakhulu kukuba kukho abadlali abalisebenzisileyo ithuba abalinikiweyo futhi bangabizelwa kwiqela elidala njengokuba lizama ukuya kwitumente yehlabathi. Baziphakamisile izandla zabo, nam ndiyavuya, le tumente iyasinceda ngoba sibabona apha kuyo abadlali abafanele aBafana Bafana,” utshilo umqeqeshi.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!