UMkhulise wenza iziqwenga kodwa hayi kweyeCAF!

Umdlali weMamelodi Sundowns osakhulayo, uSphelele Mkhulise, wenza iziqwenga emidlalweni yePSL kodwa umqeqeshi wakhe uthi akakayilungeli eyeCaf Champions League

IMamelodi Sundowns inomdlali wasesiswini odlala ibhola ephucukileyo kakhulu. Igama lomdlali nguSiphelele Mkhulise.

UMkhulise uzenzele igama emva kokudlala kakuhle emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obuphakathi kweSundowns neKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo.

Le ndodana inconyiwe kakhulu – kodwa njengokuba iDowns isiya emdlalweni weCaf Champions League, uPitso Mosimane uthi uza kuthi xha ukuze kungene amakhwahla.

Amasandawana antingele kwilizwe laseNigeria – apho aza kuqubisana neLobi Stars ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoLwesihlanu.

Ngumdlalo obalulekileyo kakhulu kwiDowns, yiyo lo nto uPitso ezimisele ukusebenzisa abadlali bakhe abaqheleneyo neemeko zokudlala kumazwe ezwekazi leAfrika.

UPitso ucinga ukuba uMkhulise akakakulungeli ukudlala imidlalo yeCaf noxa sele ebonise ukuzithemba kwimidlalo yePSL.

“Kuyanyanzeleka sidlalise abanye abadlali ngenxa yokonzakala kwabadlali bethu. Udlale kakuhle uPitso omncinane – kodwa sakumdlalisa xa kuvela elinye ithuba. Lo mfana uveliswe yiSundowns. Ngoku sijonge amanqaku amathathu abalulekileyo kwiChampions League,” utshilo uMosimane, ufanise indlela adlala ngayo uMkhulise naleyo yegqala – uHlompho Kekana.

Iqela laseNigeria liza kudibana neDowns ezithembileyo emva kokubetha iKaizer Chiefs kwibala ekuthiwa yiNnamdi Azikiwe Stadium kwidolophi yase-Enugu.

Omnye umdlali okulindeleke aphoswe ngumdlalo weChampions League nguJeremy Brockie onqunyanyisiweyo.

Yona iOrlando Pirates, ebethe iChippa United ngo’4-2 ngoLwesibini kule veki, iza kundwendwela iPlatinum emdlalweni weChamps League ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.

Kanti kwiCaf Confederation Cup, iKaizer Chiefs iqubisana neZESCO United emdlalweni oza kube useZambia emalanga ngentsimbi yesithathu ngeCawe.