UMkhwanazi ongafuni ukugonywa angagxothwa yiSuperSport United

Buhle Mkhwanazi

Iqela lebhola ekhatywayo lasePitoli, iSuperSport United, ligqibe kwelokuba limmise uBuhle Mkhwanazi ongumdlali walo kuba engagonyelwanga iKhorona. Njengokuba iSuperSport United iphantsi kwenkampani ekuthiwa nguMultiChoice, kuyanyanzeleka ihambe ngokomgaqonqubo yakhe. Ukusukela kunyaka ophelileyo, uMultiChoice wenza isibhengezo esithi wonke umsebenzi wakhe kufuneka afumane isitofu esithintela iKhorona ukuze akwazi ukubuyela emsebenzini. Nguloo mthetho onyanzele Amatsatsantsa ukuba amnqumamise uMkhwanazi okwethutyana. UMnu. Paul Mitchel, ongumanejala kaMkhwanazi, uthi umdlali wakhe kuthiwe makathi xha okwethutyana ekuzilolongeni nabanye abadlali kuba engagonywanga.

“Ngokomgaqonkqubo kaMultiChoice, wonke umsebenzi (wakhe) kufuneka agonywe ukuze akwazi ukuba phakathi kwabanye abasebenzi,” utshilo uMitchel ethetha kwiSAFM Sport ekuqaleni kwale veki. Noxa beliqela abadlali abakhe bafunyanwa yiKhorona – kodwa nguMkhwanazi osikiweyo ngenxa yokungagonywa. Into ebangela kubekho ingxaki kukuba uMkhwanazi akafuni ukugonyelwa iKhorona. “Siyawuhlonipha umthetho wenkampani. Le yinto enzima kuthi sonke. Siyive le nto ekuqaleni kwalo nyaka – kodwa ke iSuperSport United iyambhatala imali yakhe yomvuzo. Nakubeni kunjalo, umdlali akakwazi ukuzilolonga nabanye abadlali engagonywanga. Iqela ithi makagonywe, yena uthi usayicinga lo nto,” utshilo uMitchel.

Ukunyanzeliswa kokugonywa kwabasebenzi ziinkampani kudale iyantlukwano ngoba kukho abantu abathi ngeke banyanzeliswe benelungelo lokuzikhethela ngokwenzeka empilweni yabo. “Thina sithethile noBuhle – kodwa ke uzibekile nezakhe izizathu esizihloniphayo. Ukuba iSuperSport ithi iyamkhulula, asingeke siqhankqalaze. Andiqondi ukuba amanye amaqela anawo umthetho ofana noweSuperSport,” uvale ngaloo mazwi uMitchel. UMkhwanazi ufike kwiSuperSport United ekuqaleni kwesizini eqhubekayo emva kokuhlala unyaka wonke engadlali. Ukuba akafuni ukugonywa, kungenzeka akhululwe yiSuperSport United. Umphathi weSuperSport United akayiphendulanga imibuzo ayithunyelelweyo malunga nemeko kaMkhwanazi.