UMkiva nabahlobo baphuhlisa umbhoxo eQoboqobo

UmFUNDISO Mkiva uzimisele ukuphuhlisa ulutsha lakuQoboqobo.

Le ndedeba nabahlobo bayo baseBhayi, basungule iqumrhu ekuthiwa yiKeiskammahoek Vusa Schools Sport Development.

Eli qumrhu liza kujongana nophuhliso lwabadlali abamnyama abakhasayo embhoxweni.

UMkiva uthi yena nabahlobo bakhe bafuna ukuncedisa ekuziseni inguqu emdlalweni wombhoxo.

“Ndayibona le nto yale midlalo ukufika kwam eBhayi. Ndazama ukunxulumana nabantu abayiqalayo kuba ndifuna bandincedise kuphuhliso lolutsha lweelali zakuQoboqobo. Ukuqala kwethu ngonyaka ka2016, izikolo zazizine,” uMkiva utshilo.

Indedeba yakwaMkiva ithi emidlalweni yabo bagxila ekuphuhliseni abadlali abasakhasayo.

“Okwangoku sisagxile kubadlali abaneminyaka engaphantsi kwishumi elinesithathu. Isengumbhoxo qha umdlalo esiwudlalisayo,” utshilo uMkiva ozimisele ukwenza umahluko ezilalini.

UMkiva uthi iyakhula itumente yakhe kwaye kulo nyaka zonke izikolo zamabanga aphantsi kuQoboqobo ziza kuthatha inxaxheba.

“Iyakhula itumente yethu. Zolishumi elinesine izikolo zamabanga aphantsi zasezilalini ziza kuthatha inxaxheba. Kunyaka ozayo iza kukhula ngakumbi ngokuba siza kongeza nebhola yomnyazi,” uMkiva utshilo.

Uhlabe ikhwelo koosomashishini naseluntwini ngokubanzi ngelithi ucela lolule isandla ukuze kukhule umbhoxo ezilalini.

“Okwangoku isenguMnu Lifa Ndube, uTengo Gqomose kunye noMlungisi Sabani abafaka isandla. Ndicela wonke umntu onomdla wokunceda emidlalweni yethu afake isandla,” utshilo uMkiva.

IQoboqobo inembali etyebileyo embhoxweni. Abadlali abafana noSikhumbuzo Notshe odlalela iStomers, uJongi Nokwe owayedlalela iSharks neCheetahs nabanye baphuma kuyo.

Imidlalo yetumente iza kuqala kusasa ngoMgqibelo kwibala ekuthiwa yiKeiskammahoek Sports Ground.

Isikolo ngasinye siza kudlala imidlalo emibini, umdlalo wamagqibelakankqoyi ingomhla wesibini kweyeNkanga.

isibhalo@inl.co.za