IChippa United imnqwenelele okuhle umdlali wayo osandula ukutyikitywa yiBidvest Wits uXola Mlambo.
Lo mdlali siswini unetalente engumangaliso uqale ukudlala kwiChilli Boys phakathi kwisizini ephelileyo esuka kwiqela elidlala kwiNational First Division iCape Town All Stars.
Kwiveki ephelileyo utyikitye neClever Boys into into ethetha ukuba uyahamba eBhayi.
Nangona ehleli inyanga ezintandathu kwiChippa, lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu khange akwazi ukuzibamba wakhupha iimvakalelo zakhe ngokuhamba kwiChippa.
“Ndiphelelwe ngamazwi,” utshilo kwikhasi lomnatha leChippa. “Andiyazi ukuba ndiqale ngaphi okanye ndithini na, ndiyabulela nje kwiqela ngokundamkela ngezandla ezivulekileyo kwinyanga yoMqungu nangento yonke abandenzele yona.”
Usihlalo weChippa uSiviwe Mpengesi naye umqwenelele okuhle uMlambo kwiqela lakhe elitsha.
“Ndingathanda ukuthatha elithuba ngokumela iqela ngokubanzi ndinqwenelele uXola Mlambo okuhle kodwa kwiBidvest Wits.
“Ubengumdlali obalulekileyo kuthi kwaye besingena njongo zakuthengisa, yilonto samtyikityisa isivumelwano seminyaka emithathu ekuqaleni kwesizini,” utshilo uMpengesi.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?