Umlandeli weBucs ufuna isebenzise amathuba kakuhle!

Ntish Pati

Umlandeli weZimnyama, uNtish Pati, uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba ufuna iqela lakhe lisebenzise amathuba kakuhle emidlalweni ukuze likwazi ukufumana iziphumo ezihle.

Eli nenekazi lithethe nathi kutshanje kwincoko elisixelele kuyo ngokuqala kwalo ukulandela iOrlando Pirates.

Nondwe Tyilo: Leliphi iqela olilandelayo kwiPSL kwaye watsalwa yintoni kulo?

Ntish Pati: Iqela endililandelayo nendilithandayo yiOrlando Pirates. Ndaqala ukulithanda kakhulu phaya ngo1994 ukuqala kwam ukuqaphela ukuba liqela elindinika umdla.

NT: Ngubani umdlali omthandayo kwiPirates?

NP: NguXola Mlambo. Uyenza ibhola ekhatywayo ibe lula; umsebenzi wabadlali uwenza ube lula esiswini futhi akangxami. Indlela anikela ngayo abanye abadlali ibhola inzima kwaye ibonakele lo nto ngethuba iPirates idlala neChippa United kutshanje.

NT: Ingaba yintoni oyinqwenelela iqela lakho kule sizini?

NP: Ndinqwenela liphumelele iindebe eziliqela.

NT: Siya kwidabi laseSoweto kule veki, ingaba abantu basalithanda njengakuqala okanye lifana neminye imidlalo?

NP: Idabi laseSoweto lisathandwa ngoba libuyele kula nto yakudala yokuba neziphumo, hayi la nto yokudlala ntanganye. Amatikiti athengwe aphela omdlalo; lo nto ibonisa umdla omkhulu wabalandeli.

NT: Yintoni ocinga ukuba ingenziwa ngumqeqeshi ukuze iPirates iphumelele rhoqo?

NP: Kufuneka angatshintshi abadlali oko kwiqela lakhe. Makangadlalisi lo umdlali, ngomso ibe ngomnye.

NT: Iya kumjikelo olandelayo weTelkom Knockout, yintoni orhalela yenziwe ngcono kumdlalo olandelayo?

NP: Kukuba sisebenzise amathuba esiwafumanayo kuba sibanawo amathuba wokufaka amagowuli kodwa asiwasebenzisi ixesha elininzi.