Umlandeli weKhosi ufuna utshitshi kwiqela lakhe

Babalwa Buso

Umlandeli weKaizer Chiefs oyinxalenye yeKaizer Chiefs East London Branch, uncokole neli phephandaba ngezinto azithandayo kunye nezinto azilindeleyo kule sizini entsha.

Nondwe Tyilo: Ngubani umdlali omthandayo?

Babalwa Buso: Umdlali endimthandayo nguJoseph Molangoane odlala njengomdlali ohlaselayo.

NT: Uqale nini ukulandela iKaizer Chiefs?

BB: Ndaqala ukuyilandela iChiefs ngo-1985. Ndatsalwa nguScara Thindwa endandimbona kwiBona Magazine.

NT: Ingaba yintoni oyinqwenela kwiqela lakho kule sizini?

BB: Ndinqwenela ukubona abadlali abahlaselayo befaka amanqaku ngoba sisenomqeqeshi omtsha okusafuneka aziqhelise nabadlali bethu. Mhlawumbi singayifumana nokuba yindebe enye kule isizini. Kubadlali basemva noko kusekuhle.

NT: Ingaba ubathembile abadlali abathengiweyo?

BB: Ndibathembile kakhulu, ngakumbi xa kudityaniswa uKhama Billiat noLeonardo Castro kwakunye nonozinti wethu omtsha uVirgil Vries osuka kwiBaroka FC nangokuba ndimazela kwiMaritzburg United.

NT: Yintoni ebangela abalandeli bangayi ebaleni?

BB: Ibhola yethu ayiniki mdla kakhulu ngaphandle kokuba kudlala amaqela wethu amakhulu afana neChiefs, iOrlando Pirates neMamelodi Sundowns. Enye into inxalenye yabalandeli ayinayo imali yokuthenga amatikiti neyokuya ebaleni.

NT: Ingase baphathwe njani abalandeli ngamaqela abawalandelayo?

BB: Ndikholelwa ukuba impumelelo yamaqela ixhomekeke kubalandeli. Ngabalandeli abaxhasa abadlali ngengoma ebaleni – kanti ikwangabo abathenga iimpahla zamaqela ngoko ke mabahlonitshwe abalandeli ngokuthi abadlali bazimisele ukuphumelela imidlalo benyuse nezinga lamagowuli abawafakayo.

NT: Luthini uluvo lwakho ngumdlalo wokuqala obuphakathi kweChiefs neDowns?

BB: Ndivuye kakhulu ngoba kuyabonakala ukuba lo mqeqeshi mtsha uze notshintsho kwiqela lethu nangona singakwazanga ukuwasebenzisa amathuba aliqela emdlalweni. Abadlali babonakele bezimisele nyhani, ngakumbi uRamahlwe Mphahlele ofake igowuli kunye nonozinti wethu uItumeleng Khune.