UMlandu unceda uluntu ngemidlalo

Iqela leLady Frere Soccer Legends

Ixesha lokuphela konyaka ayiselilo eleziyunguma kuphela, abantu abaninzi balisebenzisa njengethuba lokuqokelela abantu ndawonye ukuze bafundiswe indlela yokuphila ngemidlalo baphinde baphetshiswe kwizinto ezimbi ezihamba nolonwabo kule mihla.

Bekunjalo nakwiilali zaseLady Frere – apho bekukho itumente yebhola ekhatywayo kunye nomnyhadala wokuqokelela imali ekulindeleke ukuba uncedise abantu abangathathi-ntweni.

Emva kokwakhel’ umkhanyo imeko yoluntu nokucinga okunzulileyo, uMnumzana uZuko Mlandu, ugqibe kwelokuba kubekho into ayenzela ulutsha lwendawo yakhe neendawo ezingqongileyo.

Phambi kweNyibidyala, uMlandu uququzelele indibano yabantu abanefuthe eLady Frere naseMpuma Koloni ngokubanzi.

Injongo ephambili ibikukuthetha noosomashishini ukuze bafake isandla kwiinkqubo zeelali zaseMalahleni Municipality.

Iqhube kakuhle kakhulu loo ndibano ngokutsho kukaMlandu ngoba ukwazile ukufumana imali ephaya kumashumi amabini amawaka onke eerandi (R20 000) ekulindeleke incedise kakhulu kwiinkqubo zophuhliso lolutsha nokunceda abantu abasweleyo.

Le ndibano ibizinyaswe ngabantu abafana noNkosi Ngangomhlaba Matanzima nosompempe obalaseleyo ebholeni ekhatywayo – uKhulasande Qongqo.

Kwelinye icala kuye kwakho imidlalo emikhulu ekuquka iLady Frere Soccer Legends ebethe iHala No:2. Komnye umdlalo iXhalanga Blues ibethe iCacadu ngo’1-0.

Nangona uMlandu ebeqala ukusingatha itumente ekumila kunje – kodwa ushiyeke onelisekile kakhulu emva kwayo.

“Ndonelisekile kakhulu yinkqubela esiyenzileyo. Endingakuthetha mna kukuba ndonelisekile kakhulu yindlela esiqhube ngayo emsithweni nasemidlalweni yetumente. Sikulungele ngoku ukusingatha iitumente futhi sincede nabantu abangathathi-ntweni. Ndiyambulela umasipala waseMalahleni ngokusinika inkxaso,” utshilo uMlandu.

Itumente kaMlandu kulindele ibenkulu kakhulu kwaye isetyenziswe njengeqonga lokuhluza abadlali abanezakhono zokudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika.