UMncwango woyika umsindo weOrlando Pirates

UThobani Mncwango weBlack Leopards unexhala lokudibana ne-Orlando Pirates ekelemileyo

Noxa ukukhutshwa kweOrlando Pirates kwiNedbank Cup kuziindaba ezimbi kuyo kule sizini kodwa isoyikwa ngenxa yokudlala kakuhle kwayo ukusukela oko kwafika uJosef Zinnbauer kunyaka ophelileyo.

AmaBhakaniya abethwe yiBidvest Wits ngo’3-2 kumapenela kwiNedbank Cup emva komdlalo ingu’3-3 ebhodini.

Emva kwemini ngeCawe ngo15:30, iBlack Leopards, ebethe iNorth West University ngo’4-0 kwiNedbank, iza kwamkela iPirates emdlalweni weAbsa Premiership ebaleni layo iThohoyandou Stadium.

Isengxakini iLeopards ngoba ikwindawo yeshumi elinesine emva kokuqokelela amashumi amabini amanqaku emidlalweni yayo kule sizini.

Kunyanzelekile iyiphumelele imidlalo yayo ngoba iphakathi kwamaqela ajingelwa lizembe emsileni.

Eyona nto eza kuba nzima kakhulu kwiLeopards kukudibana nePirates inomsindo emva kokuphuma kwiNedbank.

Ifolosi yeLeopards, uThobani Mncwango, inexhala lokudibana nePirates ngexesha elibi.

“Njengoba yoyiswe yiWits, iza kuba yingozi kakhulu kuthi. Xa ubethiwe ebholeni usoloko ukubuyela ebaleni ngosuku olulandelayo ukuze uziphindezele.

Ndiqinisekile ukuba iPirates inomnqweno wokuziphindezela ukuze yonwabise abalandeli.

Ngaphezulu koko, uGabadinho Mhango, uza kube ekhona ngempelaveki.

Idlala kakuhle iPirates kwezi ntsuku. Ngeke sikwazi ukuyibaleka leyo into,” utshilo uMncwango kwiSolezwe. Kwelayo icala iPirates ilwela ukubamba indawo yesibini okanye eyesithathu ukuze ikwazi ukubuyela kwimidlalo yeCAF.

UZinnbauer akakuthandanga ukukhutshwa kweqela lakhe kwiNedbank, kodwa njengokuba kushiyeke indebe enye ngoku, akafuni ukuzithembisa ngento ethe qelele kwiqela lakhe ngoku.

“Ngoku sishiyeke nemidlalo yeAbsa Premiership kuphela ngoku. Andikwazi ke kodwa ukuthetha ngamathuba okuphumelela ngoba sidlale imidlalo emininzi kunamanye amaqela. Ndanditshilo ngaphambili okokuba iqela liza kudinga ixesha ukuze likwazi ukufunda indlela yam kodwa ndizingomba isifuba ngomsebenzi eliwenzileyo. Yonke imidlalo elandelayo kunyanzelekile siyiphumelele,” utshilo uZinnbauer kwiintatheli.

Imidlalo yePSL:

Lwesihlanu: Stellenbosch vs SuperSport United @Cape Town Stadium, 20:00

Mgqibelo: Baroka vs Bidvest Wits @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Highlands Park vs Bloemfontein Celtic @Makhulong Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Maritzburg United @FNB Stadium, 18:00; AmaZulu vs Golden Arrows @Kings Park Stadium, 20:15

Cawe: Polokwane City vs Cape Town City @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30