UMngqithi ubeke ithemba kuRayners emidlalweni yeCAF Champions League

UManqoba Mngqithi ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns.

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uqinisekisile ukuba ngokwenene iqela lakhe limthengile u-Iqraam Rayners. Nakubeni iStellenbosch FC ibikhe yathi ayisathengisi badlali – kodwa ithengise iziqwayi zayo ezibini kule nyanga. Ingxelo ebikhe yakhutshwa yiSABC Sport ithe iStellenbosch ayizimiselanga ukumthengisa uRayners ngaphandle kokuba iqela elimfunayo libeka etafileni ishumi lezigidi zerandi (R10-million).

Noxa iinkcukacha zemali iyindaba yakwamkhozi – kodwa kucacile ukuba iSundowns ikhuphe imali eyincumisileyo iStellenbosch FC. UManqoba uvumile ukuba uRayners uza kudlalela iSundowns xa kuqala iBetway Premiership kwinyanga ezayo.

Ayikasenzi isibhengezo iStellenbosch kwelayo icala. Ethetha neentatheli emva kokuba iSundowns ibethe iPolokwane City ngegowuli elinye eqandeni, uManqoba uthe uRayners uza kulinceda iqela lakhe xa lidlala imidlalo yeCAF Champions League phambi kokuphela kwalo nyaka.

URayners ngumdlali oziqaqambise ngokufaka amagowuli ayibeke endaweni entle iStellenbosch kwisizini edlulileyo. Ngaphezulu koko, uqhube kakuhle nakulo iqela lesizwe. “Kusivuyisa kakhulu ukufumana umdlali onje ngaye ngoba sicinga ukuba uza kuba luncedo kwiSundowns. Apho ndicinga ukuba uza kusinceda khona kusemidlalweni yeChampions League ngaphezuli kweyePSL.

“Ikhona into aza kusinika yona kwiChampions League,” utshilo uMngqithi onikwe uxanduva lokuba ngumqeqeshi oyintloko emva kokugxothwa kukaRulani Mokwena ongumqeqeshi weWydad Athletic Club yaseMorocco ngoku. UMngqithi uqinisekisile futhi ukuba iSundowns ibolekise ngaye uMatias Esquivel ohleli nje iinyanga ezintandathu eMzantsi Afrika.

Ingxelo ithi iSundowns yamthenga ngemali eqikelelwa kwiR46-million njengokuba kubonakala ngathi akanayo indawo nje ngoku. “Sikhetha uAubrey Modiba njengomnye wabadlali abancedisayo xa sihlasela ngaphezulu kokumdlalisa emva.

“Naphaya emva, sifuna abadlali abaza kumelana namaqela ahlasela ngesantya esiphezulu kwiPSL,” utshilo umqeqeshi. Nangona iphuncuke ngegowuli elifakwe yiPolokwane ngempelaveki – kodwa iSundowns iza kudibana neStellenbosch emdlalweni weMTN8 olandelayo. Yona iPirates idibana neCape Town City.