UMngqithi uthi ‘Asikabethwa – kodwa besibuthuntu emdlalweni wayizolo’

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uthi iqela lakhe belibuthuntu emdlalweni wayizolo. ISundowns ibambene ngeqanda macala neBloemfontein Celtic emdlalweni weDStv Premiership obuseLucas Moripe Stadium. Ukungaphumeleli kweSundowns emdlalweni wayizolo kulandela omnye umdlalo ebambene kuwo neSuperSport United ngeqanda macala ngempelaveki egqithileyo. Ziindaba ezimbi ezi kwiDowns ebiqale isizini ngendlela encumisayo.

Njengokuba isahleli phezulu kwiDStv Premiership, ishiya iSwallows ekwindawo yesibini ngenqaku elinye qha. Kungenzeka iSwallows iyibhukuqe emalanga namhlanje ukuba ikwazile ukubethwa iChippa United. UMngqithi ukhale ngokungasetyenziswa kakuhle kwentaphane yamathuba ngabadlali bakhe emdlalweni wayizolo. “Umdlalo ubunobunzima wona. Ebekhona amathuba ebekumele sivule ngawo umdlalo,” utshilo uMngqithi ethetha neSuperSport TV.

“Okwenze kwanzima kuthi kukuba iCeltic ibihleli emva futhi ingasivumeli sigqithe. Amathuba esiwafumeneyo kwisigaba sokuqala ebemaninzi. Ube nelishwa uKermit Erasmus ngokungzuzi nto ngoba ngekwazile ukufaka amagowuli amathathu eyedwa. Siyakwamkela okwenzekileyo emdlalweni – kodwa ndiyavuma, besibuthunt emdlalweni. Indlela esidlale ngayo ayikho kwizinga elamkelekileyo. Sidlale umdlalo obhetele emva kokwenza iinguqu kwisigaba sesibini somdlalo. Into esinokuyibulela kukuba akufakwanga gowuli kuthi futhi asikabethwa kule sizini,” utshilo uMngqithi.

Abantu abaninzi basambomba nangoku kuFacebook ngenxa yokungavunywa kwegowuli leCeltic athe usompempe lifakwe ngumdlali olaleleyo kwabe kungekho njalo xa kuvezwa kumabonakude (TV). Umqeqeshi weCeltic, uJohn Maduka, uthe akakwazi ukuhlomla ngalo ngoba bona, babone ngathi umdlali weSiwelele ebelalele. Emidlalweni emihlanu kulo nyaka mtsha, iCeltic ayikaphumeleli namnye umdlalo kwaye ibethwe kabini.