Isekelamqeqeshi leMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, lithi likulungele kwakhona ukuzimela ngenqay’elangeni njengomqeqeshi oyintloko.
UMngqithi ungcamle impumelelo engummangaliso namava anqabileyo kwiSundowns emva kokuthathwa nguPitso Mosimane kwiminyaka edlulileyo.
Le ndedeba yaseMzimkhulu ithi yavuma ukusebenzela iSundowns kuba yayifuna ukufunxa ulwazi oluphangaleleyo ngezoqeqesho. UMngqithi wazenzela igama kwibhola yaseMzantsi Afrika ngethuba esengumqeqeshi weGolden Arrows awayincedayo yaphumelela iMTN 8 Cup ngo2009.
Kutshanje uncokole neSolezwe ngethuba etyelele iPinetown Senior Primary School.
“Ndavuma ukusebenzela iSundowns ngesizathu esinye qha: ndandifuna ukufunxa ulwazi oluphangaleleyo ngezokuqeqesha. Ndandifuna ukuqonda ukuba zeziphi iingxaki umntu adibana nazo xa efuna ukuphumelela indebe yeAbsa Premier Soccer League. Uya kukhumbula ukuphumelela eyona ndebe ibalulekileyo kwiPSL yeyona nto bendingayazi ngoba ndazenza ezinye kwiArrows. Bendifuna ukwazi ukuba ndingasifumana njani isicoco neengxaki ezithi zibekho endleleni. Nangona ndisenesivumelwano sengqesho neSundowns – kodwa ndifuna ukuyibeka icace into ethi ngoku ndifuna ukuzimela kwelinye iqela. Ndicinga ukuba lifikile ixesha lokubonisa konke endikufunde kwiSundowns,” utshilo uMngqithi.
Ukusukela mhla wasebenza kwiSundowns njengesekelamqeqeshi, uMngqithi uphumelele iindebe ezininzi kakhulu kule minyaka mihlanu idlulileyo.
Ezo ndebe ziquka iindebe ezintathu zePSL, iNedbank Cup, iTelkom Knockout, iSuper Cup neCAF Champions League. Kanti uMngqithi waye kwayiyo inxalenye yeSundowns eyadlala kwiFIFA Club World Cup.
Amatyeli aliqela, uPitso Mosimane, uyibalule indima enkulu eyenziwe nguMngqithi kwimpumelelo yeDowns.
“Andifuni kuxoka, ndifunde lukhulu kuPitso. Okokuqala ndifunde indlela yokumelana neqela elikhulu elinabadlali abahlonitshwayo. Khumbula xa uqeqesha iqela elinabadlali abahlonitshwayo indlela abaziphatha ngayo ayifani. Abanye baye baziphakamise nezinye izinto ezinokumphazamisa engqondweni umqeqeshi. Yiyo lo nto ndizibona ndikulungele ukuzijonga kwiqela elifuna ukuphumelela indebe yePSL,” utshilo uMngqithi.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo