Ifolosi yeChippa
United entsha, uLinda Mntambo, ufike wavukuza okwesitshingitshane kwiveki
ephelileyo. UMntambo uncede iiChilli Boys ngethuba zibethela AmaZulu FC, eKing
Zwelithini Stadium, ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer kwiveki ephelileyo.
Le folosi izibalule ngokufaka amagowuli amabini kumdlalo wayo wokuqala ngqa
kulo myaka mtsha. Le ndedeba ebifudula idlalela iJomo Cosmos kwaNational First
Division ityikitywe yiChippa United kwilinge layo lokuphucula indlela edlala
ngayo kwesi sigaba sesizini.
Emva kokudlala
kakuhle, uMntambo uxelele umabonakude okokuba ukushiya iComos yinto
emchukumisileyo kakhulu. “Eshii…ukushiya iCosmos! Yinto engakaqheleki apha kum.
Indikhathazile into yokubethwa kweCosmos ngempelaveki. Ibingase kungakho into
endinokuyenza,” utshilo uMntambo.
Le ndedeba
ibalise ngomsebenzi owenziwe yiCosmos kule sizini ngethuba iseyinxalenye yayo. “Izinto
bezisihambela kakuhle kule sizini kwiJomo Cosmos nangona besishiywa
iqela kwaye oogxa bam bebethembe ngam njengomdlali onamava kwiCosmos. Kodwa
kuyo yonke lo nto, uJomo Sono, khange akuthintele ukumka kwam. Usivumele ukuba
masihambe, siye kwiindawo esinokhula ngakumbi kuzo. Sehla nayo iCosmos nangona
sasifunwa ngamanye amaqela kuba sasifuna ukumcedisa ukuze abuyele kwiPSL,”
utshilo uMntambo.
Lo
kaMntambo, 28, ubuyele kwinqanaba eliphezulu kwaye uthi yena noNomxolisi Macaphu
bamkelwa ngezandla ezifudumeleyo kwiChippa United. “Siye samkelwa kakuhle kwiChippa
kwaye nobukho bukaMxolisi bundincedile kakhulu. Uyayazi indlela endidlala ngayo,
nam ndiyamazi ukuba udlala njani. Nguye ondincedileyo kwigowuli lam lesibini,”
uvale ngaloo mazwi uMntambo.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya