UMntambo uhlangule iSekhukhune kwiDowns emdlalweni weDStv Premiership

UThemba Zwane weMamelodi Sundowns, uDaniel Cardoso noLinda Mntambo beSekhukhune United emdlalweni weDStv Premiership obusePeter Mokaba Stadium emalanga namhlanje. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Igoduka igoqoza nenqaku alinye iMamelodi Sundowns emva kokuba iphise ngomdlalo sele ikhokela. Konke kwenzeke emva kokuba iDowns ibambene neSekhukhune United ngegowuli elinye (1-1) emdlalweni weDStv Premiership obushushu ePeter Mokaba Stadium emalanga namhlanje. Isigaba sokuqala silawulwe yiSundowns sonke ngoba ibingacacanga kwaphela into ebidlalwa yiSekhukhune. Kodwa noxa kunjalo, ikwazile ukuxhathisa kwiSundowns ebihlasela macala onke kwade kwangumzuzu wokugqibela uPeter Shalulile afake ngawo igowilo eye kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngalo.

Igowuli livele emva komdlalo omhle odlalwe nguThemba Zwane noGaston Sirino onikele uShalulile obesendaweni entle emdlalweni kanozinti. Kwisigaba sesibini izinto ziye zaguquka kakhulu, uLinda Mntambo ufake igowuli lokulinganisa kwimizuzu yokuqala. UMntambo ufumene ibhola ayidlalelwe yifolosi asuka nayo kwi-Orlando Pirates, uMabasa. Iziphumo zanamhlanje zithetha ukuthi iSekhukhune United ihleli kwindawo yesibhozo. Inamanqaku amahlanu ewaqokelele emidlalweni emine kwisizini entsha eqhubekayo.

Yona iSundowns ihleli kwindawo yesithathu emva kokuqokelela amanqaku asixhenxe emidlalweni emine. Abakwazi abalandeli beSundowns ukungaphoxeki emva kokuba ibivuthulule lula iKaizer Chiefs ngamagowuli amane eqandeni emdlalweni obusePitoli kwiveki ephelileyo. Kweminye imidlalo, iTS Galaxy ibambene ngeqanda emdlalweni wanamhlanje. Kanti wona AmaZulu ahleli phezulu kwiDStv Premiership abethe iSwallows ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni obubanjelwe eDobsonville Stadium ebusuku bayizolo. Aza kusuka phezulu AmaZulu ukuba iRichards Bay iwuphumelele umdlalo eza kudibana kuwo neKaizer Chiefs namhlanje ebusuku.

Sekhukhune United: Nsabatha, Mobbie, Motsepe, Cardoso, Ntiya-Ntiya, Mokwana, Mntambo, Kabwe, Letsoalo, Makhubu, Mabasa.

Amalalela: Mtsweni, Mkhabela, Denwin, Shai, Masiya, Nxumalo, Mosiathlaga, P. Mahlangu, Mokhabi.

Mamelodi Sundowns: Williams, Mudau, Modiba, De Reuck, B.Onyango, Mkhulise, Mokowena, Maema, Zwane, Sirino, Shalulile.

Amalalela: Mweene, Morena, Kutumela, Lakay, Lebusa, Jali, Kapinga, Mvala, Mbule.