UMntunzima yintshatsheli entsha eMbhashe

UMntunzima yintshatsheli entsha eMbhashe emva kokuphuma phambili kumdyarho obubanjwe eDutywa Umfanekiso: Pedro Mapelo

Iintsuku zokugqugqisa kwehashe elidumileyo eMpuma Koloni ekuthiwa nguAndazi ziphelile.

Oku kucace gca emva kokushiywa kwakhe lihashi laseChafutweni Village, kuGatyane, ekuthiwa nguMntunzima eliphume phambili okokuqala kumdyarho obumhle eAuckland, eDutywa, kwimpelaveki ephelileyo.

Umdyarho wamashe ubuququzelelwe nguMbhashe Municipality njengendlela yokuhlonipha igalelo likaNelson Mandela nomama * -Albertina Sisulu kwidabi lomzabalazo eMzantsi Afrika.

UMntunzima, ihashi lika-Eric Mbodamo, ugoduke namawaka amahlanu (R5000) emva kokushiya * -Andazi no-Asinamali kowona mdyarho omkhulu wosuku.

Elibambe indawo yesibini ihashi lifumene amawaka amathathu (R3000) laze elesithathu lafumana amawaka amabini (R 000).

Umdyarho wamahashi ngumdlalo onomtsalane kakhulu ebantwini abatsha nabadala kwaye ngoku uMbhashe uzama ukuzibonakalisa njengendawo egqwesayo kuwo.

Unikazi wehashi eliphumeleleyo, uMnu. Mbodamo, uvuye kakhulu watsho esithi bona bengabantu bakuGatyane yinto abaphilangayo le yokuphalisa amahashi.

“Ndonwabe kakhulu ngoba kaloku xa ubethe ihashi elidumileyo njengo-Andazi, uyazazi ukuba ubethe indoda. Bendizixelele ukuba ndiyegqitha ku-Andazi. Qha ke bendisazi xa ndiqula, noSukwini umntu wakulo makhulu, uyaqula kwelakhe icala,” utshilo uMbodamo obencume olukaBhulankethe emva kokuphumelela.

“Le nto uyibona apha kum yinto eseWillowvale (Gatyane). Bendinomdyaro obuphaya kum kutshanje – kodwa ke abantu beendaba bebengekho. UMntunzima uqhube kakuhle kwiminyaka emibini elapha kum nangona engazange wamshiya * -Andazi no-Asinamali. Ndiwulungele umdyarho ozayo, akanawuphinde avele ngoku * -Andazi,” utshilo uMbodamo.

Kuzakube kuqhawuka unobathane ngenkqu kwinyanga yesiLimela xa kudibana amahashe esuka kwiindawo ngendawo kwitumene ezakube iseDutywa egameni lika-Andazi.

Umnikazi kaMntunzima ubethe ngenqindi phantsi ngelithi uza kuyiphinda into ayenzileyo.