UMnyamane uwakhulule esengxakini Amatsatsantsa kumdlalo weConfederation Cup

Thabo Mnyamane of Supersport United challenged by Herenilson of Atletico Petro during the 2018 Caf Confederations Cup match between Supersport United and Atletico Petro at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 16 March 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Zithe xibilili izibilini kumqeqeshi weSuperSport
United, uKaitano Tembo, emva kokuba iqela lakhe liphumelele izolo.
Amatsatsantsa a Pitori enze umsebenzi omhle kakhulu izolo ebusuku ngethuba
ebetha iPetro de Luanda
ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) kumdlalo wesibini weCAF Confederation Cup obubanjelwe
eLucas Moripe Stadium. Kumdlalo obuse-Angola kutshanje, la maqela adlala
kwaphela ixesha kungekho elifuna ukoyiswa. Ukuphumelela kweSuperSport United
kuthetha ukuthi iya kumjikelo olandelayo weConfederation Cup ikhuthazekile. Kwangaxeshanye,
impumelelo iza kunceda okanye iphakamise ukuzithemba kwabadlali beli qela
lasePitori xa bebuyela kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer League abangaqhubi
kakuhle kuyo.

 

UKaitano Tembo, oxhuzula imikhala [ngoku] kwiSuperSport
United emva kokugxothwa kuka-Eric Tinkler ebutsheni bale nyanga, unomsebenzi
onzima wokuqinisekisa ukuba iqela lakhe livala isizini likwindawo
ehloniphekileyo emva kokugqwidiza okothusayo kule sizini emva kokuqhuba kakuhle
kwiConfederation Cup nakwiMTN 8 kunyaka ophelileyo. Emdlalweni wayizolo
iSuperSport iye iphantsi koxinizelelo ngoba ingazange ikwazi ukufaka igowuli
kumdlalo wokuqala e-Angola. Kodwa nakubeni kunjalo, indlela abadlali abafana
noThabo Mnyamane abadlale ngayo ibonise mhlophe ukuzimisela kwabo nokunxanelwa
ukuguquka kwezinto. Liqela ebelidlalela ekhaya ebilinamandla, kangangokuba
uMnyamane bekufanele ingcangcazelise umnathi kwakwimizuzu yokuqala yomdlalo.

 

Iqela lase-Angola libhakuzelise umnatha kwimizuzu
yokuqala emva kokuba kuyiwe ekhefini kungekho elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Nangona
iRonwen Williams ebekwazile ukuyithintela ibhola yePetro de Luanda – kodwa u-Elio
ukwazile ukuyivalela emnatheni ibhola ebuye kuye. Kuthe sekungaseni, uMnyamane
ufake igowuli lokulinganisa emva kokufumana ibhola kuDean Furman. Uphindile kwakhona
uMnyamane kumzuzu wamashumi asibhozo anesithathu – ngalo ndlela yaba kukuphela
kwendlela yePetro de Luanda.

 

SuperSport United: Williams, Kekana, Daniels, Gould, Bhasera, Furman,
Letsholonyane, Webber, Modiba, Mnyamane, Smith.

Amalalela: Pieterse,
Boateng, Mokoena, Mbule, Egwuekwe, Nhlapo, Le Roux.

Petro de Luanda: Gerson, Diney, Azulao, Mira, Ari, Elio, Herenilson, Job,
Manguxi, Carlinhos, Wilson.

Amalalela: Lama, Maludi,
Dennis, Nandinho, Tony, Tresor, Pedro.