UMobara uthi inye into ayifunayo kwiPirates!

Abbubaker Mobara of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2017/18 match between Mamelodi Sundowns and Orlando Pirates at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria South Africa on 13 January 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

 

Nangona izinto zimhambela kakuhle umdlali-siswini
we-Orlando Pirates, u-Abbubaker Mobara – kodwa uthi abonwabanga ncam (beliqela)
kungekho nto ingenayo kwikhabhathi yeli qela. Le ndedeba ifike kwiPirates
kwisizini ephelileyo, kule iszini izinto ziyihambela kakuhle ngoba isoloko ikwiqela
likaMilutin “Micho” Sredojevic elidlalayo. UMobara waya kwiPirates [eqhothozayo
kakuhle kule sizini] eshiya i-Ajax
Cape
Town ezikayo kule
sizini. Enye yezinto ezinkulu ezimcumisayo ngalo mdlali kukunikwa uxanduva
lokuba nguKapteni weqela elikhulu njengePirates.

“Asikwazi ukuyibaleka into yokuba isizini edlulileyo
ibimbi. Kodwa into esinokuyenza kule isizini kukuphucula indlela esisebenza
ngayo. Yile nto siyenzayo ngoku. Umqeqeshi omtsha ufikile nendlela yakhe entsha
yokusebenza neyokudlala. Kufuneka siyamkele imfundiso yakhe futhi siyibonise
ebaleni xa sidlala. Sisebenza ngokuzimisela kwaye sifuna ukuphucula umsebenzi
wethu esiwenzayo,” utshilo uMobara.

 

UMobara nguye obekhokela iBucs kumdlalo wePSL kutshanje
ebethe kuwo iMamelodi Sundowns ngo’3-1. Emva koko uphinde wakhokela kumdlalo
obuphakathi kwePirates nePolokwane
City
ophele ebambene la
maqela ngo’1-1. Le ndedeba yakwaMobara ithi ukungabikho kwendebe kwiPirates
lihlazo kwaye kule sizini bafuna into enye: indebe ekupheleni kwesini.
“Sizingena indebe ye-Absa Premier Soccer League. Inzima yona – kodwa nabani
angayithatha. Ilihlazo le nto yokungabikho kweendebe kwiqela elifana nePirates.
Sizakuyiguqula lo nto ngokuthi siphumelele imidlalo – yiyo into esiyilwelayo
nomqeqeshi. Yindebe eyona nto ndiyifunayo mna,” utshilo uMobara.

Amabhaka-bhaka azakujongisa imibombo kule mpelaveki eRoyal
Bafokeng Stadium – apho kulindeleke ukuba axikixane nePlatinum Stars
engumgqutsu kwiPSL kumdlalo ekulindeleke ukuba awuphumelele ukuba adlale
ngokuzimisela.