UModise unethemba kwiCAF Champions League

Umdlali siswini, uTeko Modise, unethemba lokuba iMamelodi Sundowns isenalo ithuba lokulungisa iziphene ezenze kwiCaf Champions League.

IDowns ibuye isophisa kwilizwe laseDRC Congo emva kokubethwa ngo’1-0 yi-AS Vita kumdlalo obunzima kwiqela loMzantsi Afrika ngenxa yeemeko yebala ebelidlalela kulo. Nangona kunjalo, iSundowns, isahamba phambili kwiPremier Soccer League, ilandelwa yiBidvest Wits eshiywa ngamanqaku amane nje kuphela.

“Ibelilishwa nje into ebangele iphulukane nawo la mdlalo iSundowns. Ndiyakholelwa ukuba kumdlalo ozayo izinto zizotshintsha. Kufuneka singalahlekelwa lithemba singabadlali.

Lo nto ithi masiqinise apha kwimidlalo yePSL. Kubalulekile ukuphumelela imidlalo apha ekhaya ukuze kubuyele ukuzithemba kwakhona phambi komlenze wesibini weCaf Champions League,” utshilo uModise kwikhasi lomnatha lakhe.

pedro.mapelo@inl.co.za