UModise uyinikela umva iSundowns

UTeko Modise weMamelodi Sundowns

UTeko Modise uyahamba kwiMamelodi Sundowns ekupheleni kwale sizini. Lo mdlali-siswini akazoku sivuselela isivumelwano sakhe sengqesho xa sifikelela esiphelweni kwinyanga yeSilimela kulo nyaka.

UModise, 34, uxelele iphephandaba lempelaveki ukuba kufike ixesha lokuya kwenye indawo. Kule minyaka eyihleli kwiDowns, le ndedeba ifumene iindebe ezimbini zePSL, iNedbank, iTelkom Knockout, iCaf Champions League neCaf Super Cup.

Kwiisizini zokuqala kwiSundowns, uModise udlale indima ebonakalayo – kodwa kuthe ekuhambeni kwexesha uPitso Mosimane wakhetha ukudlalisa ulutsha nangona esenawo amandla. Ukungafumani imidlalo kubonakala ngathi yeyona nto ebangele akhethe ukuya kwenye indawo.

“Ndizimisele ukuyeka ibhola emva kweesizini ezimbini ukuze ndingene kwezoshishino. Ixesha elininzi ndilichithe ebholeni – kodwa ndiyathemba ikhona into endizakuyenza ebholeni. Ndiyidlalele ngokwaneleyo iDowns, kufike ixesha lokuba ndijonge enye indawo ngoku,” utshilo uModise.

Njengokuba uModise ezakukhangela iqela elitsha, amaqela amaninzi angenabo abaxhasi bezimali azakusokola kwicala lokufikelela kwimali ayifumana kwiSundowns ngoku. Le ndedeba iyayiqonda lo nto kwaye izimisele ukuwuthatha umvuzo onganeno kulo awufumanayo ngoku.

“Ndisenayo intshiseko yebhola, yiyo lo nto ndifuna ukudlala. Lifikile ixesha lokuya kwenye indawo apho ndizakuthi ndibeke phantsi kuyo. Nabo kwiSundowns bayakuqonda noko. Ndibiza kakhulu ngokwasezimalini – kodwa ndikulungele ukwamkela umvuzo ongaphantsi kwalo ndiwufumanayo,” utshilo uModise.

UGeneral – elona gama aziwa ngalo ngabalandeli bebhola – usenayo ibhola kwaye ukuba unikwe ithuba kuninzi anokwenzela ibhola yeli lizwe phambi kokubeka phantsi.

Nangona ehleli iminyaka eliqela kwiDowns – kodwa khange akwazi ukudlala ibhola aziwa ngayo ngabalandeli bebhola uModise kuba uPitso Mosimane eyichasile ibhola yaseLokishini enomtsalane kakhulu ebantwini.