IPolokwane City ithe chu nokunyukela phezulu kwiBetway Premiership. Oku kwenzeka ngenxa yomsebenzi omhle owenziwa liqela lonke, ngakumbi abaqeqeshi abakhokelwa nguPhuti Mohafe. Ukuhlala kwayo kwindawo yesithathu kufana nephupha ebantwini abaninzi ngoba iPolokwane City khange ityikitye badlali abaninzi phambi kokuqala kwesizini.
Ngaphandle kwabadlali ababini nabathathu abaziwayo, umqeqeshi wePolokwane City usebenzisa abadlali abangenamagama aziwayo. Nakubeni kunjalo – iPolokwane iqhuba kakuhle kakhulu emidlalweni yeBetway Premiership. Yenze ezibukwayo ngempelaveki egqithileyo ngethuba ibetha iSuperSport United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni ebuseLucas Moripe Stadium.
Igowuli ephumelele ngalo iPolokwane City lifakwe ngumdlali wayo ophamabili, u-Oswin Appollis. Amanqaku amathathu alithathe iqela laseLimpopo alibeka kwindawo yesithathu emva kwe’Orlando Pirates neMamelodi Sundowns ngokulandelelana. Emidlalweni elishumi elinesine, iPolokwane City iphumelele esixhenxe yaqokelela amashumi amabini anesihlanu amanqaku.
Njengokuba iqela lakhe liqhuba kakuhle, uMohafe ukholelwa kwelokuba iPolokwane City iza kubasokolisa kwindawo yesithathu ngoba nayo ifuna indawo eza kuyibuyisela kwimidlalo yeCAF. Uqinisekile ke kodwa ukuba iqela lakhe lilwela ukuba phakathi kwamaqela asibhozo kwiBetway Premiership xa kuvalwa isizini eqhubekayo.
“Kukho iqela elisisokolisayo, elo qela ngabamelwane bethu iSekhukhune United. Kuza kuba nzima ukuya emidlalweni yeCAF ngenxa yayo – kodwa asikwazi ukuliyeka ithuba lokuzama xa ithuba livela,” utshilo uMohafe emva komdlalo.
“Ukuba ithuba liyavela, siza kulibamba ngazo zozibini futhi lo nto iya kusikhuthaza ukuba sifumane indawo kwiTop 8 kule sizini. Umdlalo wanamhlanje ubunzima kuwo omabini amaqela. Into esingabanikanga yona lithuba lokudlala kakuhle ibhola,” utshilo uMohafe.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup