UMohamed Salah uyayikhanyela ingxelo embi enkampini yezikaFaro

UMohamed Salah uyayikhanyela ingxelo ethi kukho ukungevani kwinkampu yelizwe lakhe. Umfanekiso: FIFA World Cup Facebook

Umdlali ophambili
kwiqela lesizwe lebhola ekhatywayo laseYiphutha, uMohamed Salah, uzikhanyele
wema ngomlenze omnye iingxelo ezithi kukho ukungevani kwinkampu yezikaFaro. EzikaFaro
zibe liqela lokuqala eliqinisekisiweyo elinganalo ithuba lokuya kumjikelo
wendebe yehlabathi emva kokubethwa yiRussia ngamagowuli amathathu kwelinye
(3-1) kumdlalo obungoLwesibini ekuqaleni kwale veki eSt Petersburg.

UMohamed
Salah udlale umdlalo wakhe wokuqala kwi-2018 FIFA World Cup kule veki emva
kokuphoswa ngumdlalo wokuqala ngenxa yokwenzakala egxalabeni awakufumana
kwiiveki ezimbalwa phambi kokuya eRussia. Emva kokubukela i-Egypt ibetha
yi-Uruguay kumdlalo wokuqala, uSalah – ohlonitshwayo jikelele kwihlabathi
ngenxa ybuchule abusebenzisayo xa efaka amagowuli – kodwa akakwazanga
ukubanefuthe ngethuba ilizwe lakhe libethwa yiRussia.

USalah uye
kuTwitter – apho aphundule iingxelo ezingengxabano kwinkampu ye-Egypt. “Bonke
umntu kwinkampu yeYiphutha bonwabile, bayasebenzisana futhi akukho ngxabano.
Sihloniphana ngendlela engathethekiyo kwaye unxulumano phakathi kwethu singabadlali
luhle,” utshilo uSalah.

Ilizwe laseYiphutha
liza kudlala neSaudi Arabia ngoMvulo weveki
ezayo.