Ngorhatya ngoMgqibelo, iStellenbosch FC iza kube isilwela ukufumana indebe yayo yesibini kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Phambi kokusongwa konyaka ka2023, iStellenbosch yazenzela imbali ngokuphakamisa iCarling Knockout ngokubetha iTS Galaxy emdlalweni wokugqibela. Ngoku ilungiselela ukuqubisana ne’Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela weMTN8. Umdlalo uza kube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya.
Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo uza kutaka iintlantsi ngoba kudibana oomakadezondana ebholeni yaseMzantsi Afrika. IPirates ifuna ukwenza imbali ngokuba liqela lokuqala eliphumelele iMTN8 Cup izihlandlo ezithathu zilandelelana. Kanti yona iStellenbosch iza kulwela ukuyibamba okokuqala. Emdleleni eya emdlalweni wokugqibela, iPirates iwise amaqela afana neSuperSport United neCape Town City. Sona iStellies sibethe iMamelodi Sundowns neTS Galaxy kwelaso icala.
USteve Barker uza kubeka ithemba lakhe kuBradley Mojela – omnye wabadlali abatsha kwiqela lakhe. OkaMojela, 28, ufike wenza ezibukwayo kwiStellenbosch ngokungathi kudala eyidlalela. Phantsi kwegama lakhe kule sizini, uMojela sele efake amagowuli amahlanu emidlalweni esibhozo. UBarker uvumile ukuba ifolosi yakhe iza kwenza indima ebalulekileyo emdlalweni weMTN8. “UBradley usenzele umsebenzi omhle kakhulu. Sele efake amagowuli abalekayo,” utshilo uBarker encumile kutshanje.
“Kuhle ukumbona efaka amagowuli futhi udlala ngokuzithemba. Uyingozi nakweliphi iqela esidlala nalo. Lo nto imenza abe ngumdlali obalulekileyo kuthi futhi ndinethemba lokuba uza kuqhubela phambili nokufaka amagowuli,” utshilo umqeqeshi phambi komdlalo obalulekileyo kule nyanga yeDwarha. Abanye babadlali ekulindeleke bancede iStellenbosch baquka uChumani Butsaka, Andre de Jong noJayden Adams. Iqela eliphumelele iMTN8 liza kufumana izigidi zerandi ezilishumi.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8