
Onke amalungu
esigqeba esilawula iSafa (South African Football Association) avumelene
ngazwinye ngokuchongwa kukaMolefi Ntseki njengomqeqeshi weBafana Bafana omtsha.
UNtseki uye wangumqeqeshi obambeleyo weqela lesizwe lebhola ekhatywayo emva
kokubeka phantsi kukaStuart Baxter emva kokuphela kwe-2019 Africa Cup of
Nations ebibanjelwe eYiphutha kwinyanga ephelileyo. Lo kaNtseki ebelisekela
likaBaxter kwi-Afcon, uMzantsi
okhutshwe kuyo yiNigeria kumjikelo wesithathu. Kwiveki ephelileyo, uNtseki
ukubeke kwacaca okokuba unawo umnqweno wokuqeshwa njengomqeqeshi oyintloko
ngokupheleleyo.
“Entlanganisweni
yanamhlanje, isigqeba esilawulayo kwiSafa sinikwe igama lomqeqeshi yikomiti
ebinikwe uxanduva lokukhangela umqeqeshi omtsha. Onke amalungu esigqeba
avumelene ngegama likaMolefi Ntseki kwaye uza kuthatha iintambo ngoko nangoko
ukuze akwazi ukuthatha iqela lesizwe alise kwiNdebe yeHlabathi (2022 Fifa World
Cup), itshilo ingqonyela ebambeleyo yeSafa, uRussel Paul. UNtseki uyanyuselwa
emva kokuqeqesha iqela lesizwe elincinane, i-Under 17, ixesha elide. Umdlalo wokuqala
kaNtseki ngulowo uphakathi kweBafana Bafana neZambia kwiveki ezayo.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni