UMolefi Ntseki uthi uzimisele ukuyigweba indlala eNaturena!

Amakhosi alungiselela ukudibana neCape Town City emdlalweni weMTN8 namhlanje e’Athlone Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga. Umfanekiso: KC/Facebook

Isiqendu esitsha seMTN8 Cup esiphehlelwe kule veki siza kunika iKaizer Chiefs elinye ithuba lokufumana indebe. Yiminyaka esibhozo yonke ngoku nkugasabhiyozwa eNaturena ngenxa yokuqaba kweendebe. Ukugqibela kwayo iChiefs ukuphakamisa indebe, kwakungonyaka ka2015 phantsi kukaStuart Baxter. Ukusukela ngoko, uGqirha Kaizer Motaung unike abaqeqeshi abathandathu ithuba lokuqeqesha iChiefs – kodwa bonke bakhe phantsi isitya sigcwele. Ngoku kukho uMolefi Ntseki – ongene ezihlangwini zika-Arthur Zwane, ongaqhubanga kakuhle kwisizini egqithileyo noxa zazikhona iintlantsi ezithembisayo. Isiqalo sikaNtseki khange sibe sihle kwiChiefs ngoba ayiphumelelanga emidlalweni emibini yeDStv Premiership eyidlalileyo. Amakhosi aza kuthathana neCape Town City emdlalweni weMTN8 oza kutaka iintlantsi e’Athlone Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe. Iqela lika-Eric Tinkler seliphumelele kabini kule sizini.

Uvumile uNtseki ukuba uphantsi koxinizelelo ngenxa yabalandeli abalindele ukukhululwa endlaleni yeminyaka – into engaqhelekanga konke konke kwiChiefs eyazakhela idumo njengelona qela eliziincutshe ekuthatheni iindebe. “Uxinizelelo luhlala lukhona kwiChiefs ngoba abalandeli balindele lukhulu eqeleni labo,” utshilo uNtseki ethetha neentatheli kule veki. “Ukungabikho kweendebe yinto embi kubaphathi beChiefs ngoba baziqhelile. Lo nto ithethe ukuthi umdlalo kunyanzelekile siwuphumelele umdlalo ngamnye esiwudlalayo. Sekulithuba elide sagqibela ukuncumisa abalandeli noGqirha Kaizer Motaung. Yinto esiyishumayelayo ebadlalini into ethi: mabazame ukulimela iqela kwaye kufuneka senze umsebenzi obonakalayo. Ndicinga ukuba lithuba elihle kuthi nakubadlali lokuthi, masiphumelele le ndebe ukuze sizokwazi ukuzinza,” utshilo uNtseki, okhe wangumqeqeshi waBafana Bafana kwiminyaka edlulileyo.

Ukuze iChiefs ibuye nempumelelo eKapa, kufuneka yoyise umkhwa wayo ombi wokungakwazi ukufaka amagowuli. “Sifuna ukufunqula ukuzithemba eqeleni nabalandeli ngokuqhuba kakuhle kwiMTN8. Ukuba izinto zihamba kakuhle, siza kuba ngabokuqala abaphumelele indebe entsha yeMTN8. Siza kuwafumana amagowuli kungekudala. Inkqubo yethu yokutshintshatshintsha abadlali iza kulinceda iqela. Ufumene igowuli uAshly Du Preez kule veki, kwiveki ephelileyo ebengawuqalanga umdlalo. Sizama ukunceda bonke abadlali, hayi iifolosi kuphela. Siwulungele umdlalo ngoba ebaleni kudibana abadlali abalishumi elinanye macala. Ukufumana igowuli emdlalweni ogqithileyo kusincedile. Ukufaka amagowuli yeyona nto eza kubaluleka emdlalweni esiya kuwo,” utshilo uNtseki. Abadlali abatsha abafana noThatayaone Ditlhokwe, uGiven Msimango no-Edison Castillo sele bezibethelele iindawo zabo nangona benexeshana elifutshane bekhona kwiChiefs.