UMoloi uphantsi koxinizelelo kwiChippa United

Emva kwemidlalo emithathu uTeboho Moloi exhuzula imikhala, akukacaci kakuhle ukuba iChippa United iyaphi ngoba ime ndawonye.

UTebza uqeshwe yiChippa kutshanje emva kokugxotha uDan ‘Dance’ Malesela ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo.

Ukuzothi ga ngoku, iiChilli Boys ziqokelele amanqaku amathathu qha endaweni yamanqaku alithoba kwimidlalo emithathu phantsi kukaMoloi.

Lo msebenzi uyalingana nowenziwa nguMalesela. Nangona kunjalo, lo mqeqeshi obambeleyo uthe uyawubona umahluko ngoku kwiqela lakhe – kodwa kufuneka abadlali bakhe basebenzise amathuba.

Ukuthethe oku emva kokuba iChippa United idlale ngokulingana (0-0) neBloemfontein Celtic kumdlalo wePSL obuseNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.

Ngumdlalo ebekufanele ukuba iwuphumelele iChippa ukuze ikwazi ukunyukela phezulu – kodwa ngelishwa ayikwazanga.

Ingxaki yeChippa isenye nangoku: abadlali abaziboni iipali.

Kule veki iChippa indwendwela iGolden Arrows kumdlalo wePSL ozakube usePrincess Magogo Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Abafana Bes’thende badlala kakuhle futhi bakwindawo yokuqala kwiPSL.

Ukuba ayilungisi izinto iyakubuya intywizisa iChippa.

Ukuba izinto aziguquki, kunokwenzeka iChippa ikhangele umqeqeshi onamava onokuthi ayikhuphe engxakini kusakhanya.

Kodwa ke kungumsebenzi onzima kumqeqeshi onjengoTeboho Moloi – okufuneka aze neziphumo ngabadlali angekabaqheli kakuhle.

Abadlali kufuneka bafunde ukuwasebenzisa amathuba. Sifumene amathuba amaninzi kakhulu kumdlalo ogqithileyo – kodwa ke yinto esizama ukuyiphucula leyo. Andikalifumani ithuba kakuhle ukusukela ndathatha iintambo, ngoku ndifumana iveki yonke phambi kokuya kwaMashu. Kunzima ukuqikelela ukuba izinto zingatshintsha nini – kodwa ndibone umahluko ngokuya besidlala neCeltic. Zindiphixile iziphumo zomdlalo zona,” utshilo uMoloi kutshanje.

pedro.mapelo@inl.co.za