UMoltot waseGcuwa ubalisa ngohambo lwaseDenmark!

Orion Moltot waseGcuwa noogxa bakhe beKeep Active Sport Development. Umfanekiso: Facebook

Umdlali webhola ekhatywayo osakhulayo, u-Orion Moltot, akawuvali umlomo emva kokufumana ithuba lokudlala kwitumente ebiseDenmark kwiiveki eziphelileyo. UMoltot, 16, odlalela iqela ekuthiwa yiFC Tshabalala, eGcuwa, ube ngomnye wabadlali abafumene ithamsanqa kulo nyaka lokuba yinxalenye yeziko lophuhliso, iKeep Active Sport Development, elithathe abadlali abasakhulayo labasa eDenmark – apho bekukho itumente yabadlali yebhola ekhatywayo abasakhasayo ebisemgangathweni ophezulu. Kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka, uMoltot wathathwa nguMnu. Lwazi Sahula oyintloko yeKeep Active Sport Development emva kokuba ngumdlali obalaseleyo kwiNozulu Youth Legacy Cup ebiququzelelwe nguMnu. Luxolo Matikinca – okwanguMphathi weSekhukhune United edlala kwiDStv Premiership.

Yitumente leyo uMatikinca ayiqale kulo nyaka ngelizama ukuvulela abantwana amathuba endaweni akhulele waphinda wafundela kuyo ukudlala ibhola. I’solezwe lesiXhosa lincokole naye uMoltot kutshanje emva kokubuya kwakhe eDenmark – ilizwe laseYurophu, angazange wacinga ukuba angaze aye kulo nangosuku olunye ukusukela mhla waqala ukudlala ibhola. Ubuye eyincoma impatho entle abayifumeneyo nendlela adlale ngayo noogxa bakhe kwiKeep Active Sport. “Emva kokudityaniswa ndawonye nguBhuti Lwazi, saya eDanmark. Bekumnandi kakhulu ngoba sibone izinto ezintsha kuthi. Okwenze kwamnandi kakhulu kukuba sikhawuleze saqhelana singabadlali ngoba uninzi lwethu beluphuma apha eMpuma Koloni,” utshilo uMoltot encumile.

Iqhube kakuhle iKeep Active Sport ngoba khange ifumane ixesha elaneyo lokuzilungiselela phambi kokuya eYurophu. Emidlalweni emithathu, iqela likaSahula libethwe kanye laze laphumelela emibini. Libethwe ziintshatsheli ezikhuselayo ngo’1-0 emdlalweni wesine. Phambi kokubuyela ekhaya, iintwana zakhe zibethe iqela laseCanada ngo’1-0. “Bekumnandi kakhulu eDenmark. Ndonelisekile yindlela endidlale ngayo emidlalweni endiyidlalileyo. Kodwa ndicinga ukuba kukho iindawo emdlalweni wam ezifuna ukusetyenzwa ukuze ndibe ngumdlali ongcono. Siqhube kakuhle siliqela. Zikhona izinto esizibonileyo ukuba zifuna ukulungiswa emdlalweni wethu emva kokudibana namaqela aseYurophu,” utshilo uMoltot, onethemba lokuba okwenzeke kuye kuza kukhuthaza abanzi kwindawo yaseGcuwa.