UMorgan Mammila ubuyele kwiChippa United kwakhona!

UMorgan Mammila ngumqeqeqshi omtsha weChippa United. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Nangona isizini isavaliwe kodwa abaphathi bamaqela adlala kwiDStv Premiership baxakeke ngendlela emangalisayo. Amaqela amaninzi akhangela abadlali abatsha kodwa akhona angaqhubanga kakuhle akhangela abaqeqeshi abatsha. Phakathi kwaloo maqela yiChippa United ebhengeze uMorgan Mammila njengomqeqeshi omtsha oza kuxhuzula imikhala kwisizini ezayo.

UMammila ungena esikhundleni esishiywe nguLehlohonolo Seema – owangena endaweni kaMammila obe buyiswe ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo neziye zayibeka iChippa United endaweni embi ekupheleni kwesizini.

Nakubeni kunjalo, uSiviwe Mpengesi ukhethe ukumyeka ahambe uSeema osindise iqela lakhe lisecicini lokuthotyiselwa. UMammila walishiya iqela laseMpuma Koloni lisengxakini embi waya kwiSwallows FC eqeqeshwa nguMusa Nyatana ekwayeyomhlobo wakhe. Eminyakeni egqithileyo, uMammila ebengumanejala kodwa uye watshintsha kwiChippa ngethuba enikwa umsebenzi wokuncedisa uDaine Klate ekuqaleni kwesizini ephelileyo.

“Njengokuba sijonge kwisizini entsha, sazisa uMorgan Mammila njengomqeqeshi omtsha,” itshilo ingxelo ekhutshwe liqela.

“UMammila uza namava futhi uyaziwa ngesikhokelo esihle. Sifuna ukuqinisekisa ukuba uza kuncediswa nguSiyabulela Gwambi. Sibeke ithemba lethu kumqeqeshi njengokuba sijonge iTop 8. Sinethemba lokuba ziza kwenzeka zonke ezo zinto ngoba sinomqeqeshi onako ukusenzela umsebenzi.

“Bakhona abadlali abatsha abezayo ngeli thuba lokuthengwa kwabadlali,” itshilo iChippa United. Kunyaka ophelileyo, iChippa United yathenga abadlali abangaphezulu kweshumi phambi kokuqala kwesizini. Phantse zonke iisizini, uMpengesi usoloko ethetha ngokuvala isizini kwiTop 8 kodwa lo nto ingenzeki ngenxa yokutshintshwa kwabaqeqeshi. Enye yezinto ezithi zibethe iChippa United kukuba iye ithengise abadlali bayo abaphambili kumaqela amakhulu. Kulindeleke kwenzeke lo nto nangoku. Mhlawumbi izinto zingaguquka kuba igqiba iminyaka elishumi yafikayo eMpuma Koloni.