UMorgan Mammila uyivuse emaqandeni iChippa United

UMorgan Mammila noChippa Mpengesi, Chairman of Chippa United emva komdlalo weDStv Premiership obuphakathi kweKaizer Chiefs neChippa United kwiveki ephelileyo eMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Yenze imbali iChippa United ngokuphumelela imidlalo emine yeDStv Premiership ilandelelana okokuqala ukusukela mhla yanyuselwa ngawo kwinqanaba lebhola ekhatywayo eliphezulu eMzantsi Afrika. Oku kwenzeke emva kokuba iChippa ibethe iSekhukhuene United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obuseChatsworth Stadium ngoLwesibini wale veki. Kanti phambi koko iChippa ibethe iKaizer Chiefs, iTS Galaxy naMaZulu ngokulandelelana. Konke oku kwenziwe ngumqeqeshi okwangumanejala, uMorgan Mammila. Njengokuba iChippa isaziwa ngokuba sisisulu samanye amaqela, ngoku ivukile emaqandeni phantsi kwesandla sikaMammila oseza kuhlala njengomqeqeshi ngokutsho kukaMnu. Siviwe Mpengesi.

UMammila ubuyele kwiChippa kwinyanga ephelileyo njengomncedisi kaDaine Klate. Kwathi akususwa (uKlate) ngenxa yeziphumo ezibi, uMammila waxhuzula imikhala ngokwakhe. Ukusukela ngoko, iqela layiphumelela yonke imidlalo yalo. Noxa esabonwa njengomqheliswa uMammila kwicala lezokuqeqesha iqela elidlala kwiDStv Premiership – kodwa umsebenzi wakhe udlula abaqeqeshi abanezatifiketi ngaphezulu kunaye. Ngumqeqeshi wokuqala kwiChippa okhe waphumelela imidlalo emine ilandelelana futhi kule isizini, iChippa liqela lokuqala elikwazileyo ukuphumelela imidlalo emine ilandelelana kwiDStv Premiership.

Emva kokubetha iSekhukhune, uMammila ubaqhwabele izandla abadlali bakhe abenze umsebenzi oncomekayo. “Ndiyavuyisana neqela lonke, ukusukela kusihlalo ukuya kubalandeli. Ukuphumelela imidlalo emine yinto enkulu kakhulu, ingakumbi kubadlali ngoba basebenze ngokuzimisela balisuse iqela lisemsileni. Umdlalo wayizolo ubungemhlanga ngoba iSekhukhune ibikhabela iibhola phambili. Kuye kwanyanzeleka ukuba sikhusele into esinayo. Ngoku lixesha lokuba sigoduke siyokuphumla phambi kokujongana nomdlalo olandelayo,” utshilo uMammila emva komdlalo. Emva kokubetha iChiefs, uMammile uzingombe isifuba ngelithi abanye abaqeqeshi kwiPSL abazange bawenza umsebenzi awenzileyo yena. Ngoku iChippa iza kudibana neCape Town City ngoLwesibini weveki ezayo.