Inyanga inye kuqale isizini yeDStv Premiership – kodwa sekukho amahumhum athi kungenzeka uMnu. Siviwe Mpengesi enze inguqu kwiChippa United. Akothusi kekambe ukuva iindaba ezinjalo ngoba sele iyinto eqhelekileyo ukugxotha umqeqeshi emidlalweni emihlanu yokuqala xa iqela lakhe lingaqhubi kakuhle. Iingxelo zithi uMorgan Mammila uza kubuyela kwiChippa United. Ngokufanayo noDan Malesela, uMammila uhamba aphinde abuyele kwiChippa. Kwisizini egqithileyo, uMammila ebelisekela likaKurt Lentjies obengumqeqeshi weChippa emva kokugxothwa kukaGavin Hunt owayeqale isizini. UMammila wade wayokwenza izifundo zokuqeqesha kubonakala ukuba uzimisele ngokuqeqesha.
Kuqale isizini engekho ngethuba kungqinitywa uLentjies ngenxa yokungafuni ukusebenza phantsi kukaDaine Klate (obekade eqeqesha iChippa edlala kwiDiski Challenge) emva kokuhlangula iChippa United ezembeni kwisizini egqithileyo. Akukacaci ukuba uza kwenzani uMammila – kodwa iingxelo zithi uza kuba yinxalenye yabaqeqeshi. Emva kwemidlalo emithandathu kule sizini, iChippa United seyiwiza endaweni yokugqibela kwiDStv Premiership. Kwimpelaveki egqithileyo, iqela likaMpengesi libuye liqhwalela kwiphondo laKwaZulu-Natal emva kokuba libethwe ngo’3-2 yiGolden Arrows ebiyiqale kakubi isizini. Ukuzothi ga ngoku, iChippa ibethwe emidlalweni emithathu, yadlala ntanganye kwemibini yaze yaphumelela wamnye.
Kunokwenzeka ukuba uMpengesi uyabona ukuba uKlate angasindwa yiChippa eqokelele abadlali abaninzi abangenamava kwinqanaba lebhola eliphezulu eMzanti Afrika. Umsebenzi kaMammila, obekade engumphathi oyintloko kwiisizini ezigqithileyo, iya kuba kukusingatha uKlate emsebenzini onzima ajongene nawo. UMpengesi wathembisa ngelithi uza kumxhasa uKlate kwaye akukho sizathu sokuba axhalabe. Noxa iqela laseMpuma Koloni likwazile ukubetha iPirates kwinyanga ephelileyo – kodwa ayenzanga umahluko kakhulu lo nto ngoba umdlalo walo awukadibani ncam. Iziphumo ezibini zenza kubenzima ngakumbi kuKlate ojulwe esizibenu enganikwanga izixhobo zokudada. Ukudibana neSundowns emva kokubethwa yiGolden Arrows kuyingxaki ngoba nayo ibibethwe yiSuperSport United. Ngoku uKlate uza kubuyela KwaZulu-Natal – apho iqela lakhe liza kudibana naMaZulu emdlalweni weDStv Premiership emalanga ngoMgqibelo.
UMzantsi Afrika uzuze inqaku kwiCongo Brazzaville ebibhokile kowayo!