UMoriri uyincothule engxakini iHighlands Park

Surprise Moriri of Highlands Park during the Absa Premiership match between Highlands Park and Ajax Cape Town on the 14 December 2016 at Makhulong Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Ibhola entle efakwe ngentloko nguSurprise Moriri incothule engxakini iHighlands Parks ezihambela nzima kwi-Absa Premier Soccer League. Ngale njikalanga iHighlands Park ibethe iMaritzburg United ngo’1-0 kumdlalo obunzima kumaqela omabini eMakhulong Stadium. Ukuphumelela kwayo iHighlands Park kuyinike ithuba lokuphefumla emva kokufuthamiseleka phakathi kwamaqela asemva kakhulu kwiPSL kule sizini.

Umdlali okhathazayo kakhulu nobekade edlalela iMamelodi Sundowns iminyaka emininzi, uMoriri, ubonisile kwakhona ukuba kungathenjelwa kuye nangona engoyena mdlali omdala ngokweminyaka kwiHighlands Park. Ngoku iqela likaGordon Igesund lithe ngcu kwindawo yeshumi elinesithathu kwiPSL – libeke emva kwalo iBloemfontein Celtic, iFree State Stars neBaroka FC.

ITeam of Choice ingene eMakhulong Stadium inomnqweno wokugoduka nempumelelo emva kweziphumo ezingancumisiyo ezifumene kwimidlalo edlulileyo. Umdlali we-United oyingozi kakhulu, u-Evans Rusike, ukhe wazama ukukhangela ithuba lokufaka igowuli – kodwa ilinge lakhe aliphumelelanga emva komsebenzi omhle owenziwe yiHighlands emva. UCharlton Mashuma – ifolosi yeHighlands Park – ayikwazanga izihlandlo eziliqela ukusebenzisa iibhola azifumene koogxa bake ngenxa yokungxama phambi kweepali.

Emva kokuhamba phambili ngegowuli elinye ixesha elide, uGordon Igesund, uqinisekise ukuba abadlali bakhe balikhusela ngobukhulu ubunono kwade kwaphela ixesha lomdlalo. NgoLwesihlanu i-Ajax Cape Town idlale ntanganye ngo’2-2 neFree State Stars kumdlalo wePSL obutaka iintantsi eNtshona Koloni. Inqaku elinye elizuzwe liqela ngalinye kulo mdlalo aliwancedanga la maqela omabini ngoba ayakunukiselwa lizembe ukuba akawunyusi umxakatho kwimidlalo yawo ezayo. Yona iBloem Celtic ayikwazanga ukubetha iCape Town City kumdlalo ophele ngo’0-0 eDr Molemela Stadium emalanga izolo.

Nangona iCape Town City ihleli phezulu kwiPSL, umqeqeshi wayo u-Eric Tinkler ugoduke engonelisekanga yindlela abadlali bakhe abadlale ngayo kulo mdlalo wayizolo. Kanti ebusuku kwayizolo, iBaroka FC iphantse yahlaza iKaizer Chiefs kumdlalo obutshisa bhe ePeter Mokaba Stadium. Umdlalo uphele ingu’2-2 macala – kodwa yiChiefs enkqenkqeze phambili izihlandlo ezibini.