UMorkel uthethelela umntakwabo noDe Villiers

U-Albie Morkel owayengumdlali weProteas ngaphambili uyigxeke ngamandla into yokunyenjwa kwabadlali abadlala kweli qela, * -AB de Villiers kunye nomninawa wakhe uMorne Morkel. Yonke le nto ilandela emva kokuba iProteas iqhube kakubi kwimidlalo yosuku olunye yamazwe amathathu, eCaribbean.

Lo mdlali ukhankanye ukugxekwa kwaba badlali obebuvela kumajelo eendaba ikakhulu okujoliswe kuDe Villiers nomntwakwabo. Nangona amarhekhodi aba badlali babini kwiProteas ecacisa mhlophe ukuba ngabadlali abasebenza ngokuzimisela. “Ngabadlali abahamba phambili ngokucacileyo,” utshilo uMorkel.

“Xa ndijonga ngelam iliso, andibaboni abanye abadlali abaqhuba kakuhle xa bedibene. Ikhona nje into edingekayo kwiProteas. Badlala kakuhle abadlali abathile ngabanye, kodwa nje ngeqela abakadibani kakuhle.”

UMorkel uthi irhekhodi likaDe Villiers oko waba ngumdlali oqalayo ukuqhokra kwiProteas, liyabonakalisa ukuba uyakwazi ukukhuthaza abadlali ngelixa ebakhokele ngaphambili.

“Ixesha elininzi uDe Villiers uye aqhokre imitsi engapha kwekhulu namashumi amathandathu,” utsho uMorkel. UMorkel uthi abagxeki kufuneka baqwalasele nzulu kwiProteas phambi kokuba baphume nabadlali abathile. Into yokugxekwa kuka-AB kunye noMorne uthi ayifanelekanga.