UMorris wonzakalise kabuhlungu iCeltic, AmaZulu axoze izithende Abafana Bes’thende

Iqela laseNtshona Koloni, iCape Town City, liphakathi kwamaqela adlulele kumjikelo olandelayo weNedbank Cup emva kokuvuthulula ngemvula yamagowuli amane eqandeni eCape Town Stadium ngorhatya namhlanje. Sigoduka sizikhotha amanxeba Isiwelele emva kokonzakaliswa nguTashreeq Morris ofake amagowuli amathathu eyedwa emdlalweni wanamhlanje weNedbank Cup.

Ibe yimini embi kakhulu kuMondli Mpoto – onikwe ithuba elimnqabeleyo lokuqala ezipalini nguJohn Maduka. Amaqela aye kwixesha lokuphumla iCape Town City ihamba phambili ngamagowuli ewafumene kwangoko emdlalweni. Ukusukela ekuqaleni komdlalo, abadlali beCape Town City badlale ngokuzithemba futhi bebonakalisa ukunxanelwa kwabo impumelelo. Igowuli lesine lifakwe nguThabo Nodada ekuzeni kuphela kwesigaba sesibini.

Komnye umdlalo, AmaZulu axoze izithende Abafana Bes’thende abe behamba phambili ngo’5-4 kumapenela emva kokuba umdlalo uphele ngo’1-1 kwixesha elongezelelweyo. Abafana Bes’thende bawuqale kakuhle kakhulu umdlalo futhi bewacishilele AmaZulu. UMichael Gumede ubhalise ebhodini kwangoko kwisigaba sokuqala somdlalo obuphethwe yiGolden Arrows.

Azamile ukuphakamisa umxakatho AmaZulu kwisigaba sesibini – kodwa iArrows ingayekanga ukulwa. Njengesiqhelo, iqela likaBenni McCarthy libhalise ebhodini igowuli elifakwe nguLehlohonolo Majoro – ongene kwisigaba sesibini somdlalo. Ukuphumelela kwaMaZulu namhlanje kuthetha ukuthi aphumelele imidlalo emine yonke ilandelelana. Ukuphucuka kwezinto kuSuthu ziindaba ezimnandi kuMcCarthy – owathatha iintambo ekupheleni kuka-2020 izinto zingahambi kakuhle.